Amapolisa alumkisa uluntu ngabantu abazenza amapolisa abafuna imali bethembisa ngamathuba emisebenzi.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Amapolisa aseMpuma Koloni athi kukho abantu abanobuqhophololo abazenza amapolisa abaxhaphaza inkqubo yokuqesha yeSAPS ngokufuna intlawulo kwabo bafuna imisebenzi bebathembisa ngamathuba engqesho.
Isithethi samapolisa uBrigadier Nobuntu Gantana uthi la maqothaqikili ayalela amaxhoba ukuba aye kuvela kwisikhululo samapolisa aseQonce, ngezithembiso zokuba aza kuqeqeshwa kwiKholeji yaseBhisho ukuqala ngoMvulo we7 kweyeKhala 2025.
Amapolisa agxininisa oku kulandelayo:
Amapolisa abongoza uluntu ukuba lufake izicelo kuphela kumnatha wayo othi: www.saps.gov.za ngaphambi komhla wokuvalwa kwezicelo (18 kweyeKhala 2025). Uluntu luyabongozwa ukuba luchaze nawaphi na amabango okuqeshwa kwabantu kwisikhululo samapolisa esikufutshane okanye kumakhasi onxibelelwano asesikweni. Kuthiwa kufuneka bazixele ngoko nangoko izenzo zobuqhophololo kwiSAPS Crime Stop ngokutsalela inombolo ethi 08600 10111 okanye kwesona sikhululo samapolisa sikufutshane. Uluntu lukwabongozwa ukuba lunganikezeli ngeenkcukacha zalo okanye lwenze iintlawulo kuye nabani na othi uququzelela ingqesho kwiSAPS.
Amapolisa athi nabani na obandakanyekayo kobu buqhophololo uza kujongana nengalo yomthetho.