Iindaba

Amapolisa akhangela umkhwetha olahlekileyo

Cwayita Nondula|Published

Amapolisa akhangela umkhwetha olahlekileyo emva kokuba iqela lamadoda lihlasele kwindawo ebekuyo nabanye.

Image: thejakartapost.com

Amapolisa aseTheunissen eFreyistata acela uncedo kuluntu ekufumaneni uAndile Petrus Zungulwa, 20, ongumkhwetha nosele elahlekile ukusukela ngoMgqibelo umhla wama28 kweyeSilimela 2025 emva kokuba abakhwetha namakhankatha behlaselwe liqela lamadoda ehlathini.

Kuthiwa umakazi kaAndile wabika ukuba ulahlekile kwisikhululo samapolisa saseTheunissen ngomhla wesithathu kweyeKhala 2025 emva kokuba ethe waduka kwisikolo sokwaluka sasekuhlaleni.

"Kutyholwa ukuba ngoLwesihlanu, umhla wama27 kweyeSilimela 2025, iqela lamadoda lahlasela abakhwetha namakhankatha kwisikolo sokwaluka. Ngexesha lohlaselo, undwendwe lwahlatywa lwaza lwathunyelwa esibhedlele. Bathe bakubona oku kuhlatywa, aba bakhwetha babalekile kwindawo yexhwayelo ukuze bazikhusele," sitshilo isithethi samapolisa aseFreyistata uSajini Mahlomola Kareli.

UKareli uthi ngelixa uninzi lwabakhwetha kamva babuyayo, uAndile wafunyanwa engekho ngentsasa elandelayo, umhla wama28 kweyeSilimela 2025.  UAndile wagqityelwa ukubonwa enxibe ingubo eblue.

Onolwazi malunga nalapho uAndile akhoyo uyabongozwa ukuba aqhagamshelane nomcuphi wesikhululo samapolisa saseTheunissen uDetective Sergeant Beoane ku083 411 0240. Abantu bangatsalela umnxeba kwinombolo yeSAPS Crime Stop ethi 08600 10111 okanye bathumele imiyalezo ngeMySAPS App, banokukhetha ukungazivezi ukuba bangoobani na.