UNobhala Jikelele weANC uFikile Mbalula uchaze owayesakuba nguSekela Mongameli uDavid Mabuza nobhubhileyo njengethandazwe, umlweli wenkululeko, nenkokeli ebisebenza ngokuzithoba nangokuzimisela.
Image: Facebook/MyANC
UNobhala Jikelele weANC, uFikile Mbalula, uchaze ongasekhoyo owayesakuba nguSekela Mongameli, uDavid Mabuza, “njengethandazwe, umlweli wenkululeko, nenkokeli ebisebenza ngokuzithoba nangokuzimisela.”
Ngale njikalanga uMbalula uqinisekise ukubhubha kukaMabuza, 64. "Kungentliziyo ebuhlungu ukuba sazi ngokusweleka kobesakuba nguSekela Mongameli kunye negqala lombutho wethu, uDavid Dabede Mabuza," utshilo uMbalula.
"UMabuza wanikela ubomi bakhe esebenzela abantu baseMzantsi Afrika. Ukususela ngeemini zakhe kumzabalazo ukuya kubunkokeli bakhe njengeNkulumbuso yaseMpumalanga waza kamva waba nguSekela Mongameli, wayengumntu ozinikeleyo owayephethe iinqobo ezisesikweni zobumbano, ukuziphatha kunye nenguqu," uqhube watsho.
"Egameni leAfrican National Congress, sidlulisa uvelwano lwethu olunzulu kusapho lwakhe, izihlobo, amaqabane, kunye nabantu baseMzantsi Afrika.
"Wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo, kwaye kufuneka sihloniphe ilifa lakhe ngokuqhubeka nomsebenzi wokwakha uMzantsi Afrika omanyeneyo, ongenabuhlanga, ongacaluli ngokwesini, onentando yesininzi nonenkqubela phambili," utshilo uMbalula.
Owayesakuba nguSekela Mongameli, uDavid Mabuza, uswelekile.
Image: GCIS
UMabuza usweleke namhlanje kwisibhedlele saseGoli emva kokugula ixesha elide. Ubambe isikhundla sokuba nguSekela Mongameli kaCyril Ramaphosa ukusuka ngo2018 ukuya kutsho ngo2023.
UMabuza ophuma kwiphondo laseMpumalanga, ebeyiNkulumbuso yeli phondo ukusukela ngo2009 ukuya ku2018 phambi kokuba abe nguSekela Mongameli.
Ayaphokoka amazwi ovelwano navela kubantu abohlukeneyo kweli, omnye woosopolitiki abathumele amazwi ovelwano yinkokeli yeBOSA, uMmusi Maimane, obesePalamente ngale njikalanga.
"Sithumela amazwi ovelwano kusapho lakwaMabuza, owayesakuba nguSekela Mongameli wayeyiNkulumbuso yaseMpumalanga, sikwathumela amazwi ovelwano kwela phondo nakumbutho wakhe wezopolitiko iANC ... abemi abavuka mihla le beze kukhonza abantu beli lizwe kufuneka banikwe imbeko, ubomi bakhe bube negalelo kwisizwe sethu wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo," utshilo uMaimane.