UEugene Ndlangamandla ubhengeze ukuba urhoxile kwiMK Party kwaye uzibandakanya nenkqubo kaFloyd Shivambu ethi Mayibuye Consultation Process.
Image: Doctor Ngcobo
UEugene Ndlangamandla owayengumququzeleli weMK Party kwingingqi yaseMkhanyakude ubhengeze ukurhoxa kwakhe kulo mbutho ukuze azibandakanye neqela likaFloyd Shivambu iMayibuye, watsho egxeka iMK Party esithi lishishini losapho.
UNdlangamandla wenze esi sibhengezo izolo, ngoLwesithathu, umhla wesibini kweyeKhala, nalapho adize ukuba ibiluhambo olunzima ukusukela oko wazibandakanya neMK Party ngomhla we16 kweyoMnga ka2023 emva kokuba uMongameli walo mbutho, uJacob Zuma, ebhengeze ukusekwa kwawo.
"Ndiqaphele ukuba impatho engafanelekanga yamalungu yingxaki enkulu apha embuthweni. IMK Party ibonakala isebenza njengeshishini losapho nezihlobo kunokuba ibe ngumbutho wezopolitiko wokukhulula abantu abamnyama," utshilo uNdlangamandla kwingxelo ayipapashileyo.
UNdlangamandla uthi akukho similo kulo mbutho. "Ndiqaphele ukuba akukho ngqeqesho kumalungu amanye asebenzisa intetho ethob’ isidima nokunganyaniseki okugqubayo kulo mbutho, nto leyo endingakholelwa kuyo," utshilo.
Ngethuba ekunye nombutho phantsi kwesikhundla sakhe njengomququzeleli wengingqi yaseMkhanyakude, uNdlangamandla uthi mkhulu umsebenzi awenzileyo kulo mbutho. "Ndiseke ngempumelelo onke amacandelo kule ngingqi, ukusuka kwizithili zokuvota, iiwadi ezingama80, ukuya kutsho kwiingingqi ezincinci ezine, nto leyo ebangele ukuba ingingqi ifumane inani elikhulu leevoti," uqhayise watsho.
Kutshanje, owayesakuba nguNobhala Jikelele weMK Party, uFloyd Shivambu, ubhengeze ikomiti eza kuthethathethana nabemi boMzantsi Afrika malunga nokuba kukho imfuneko yombutho omtsha wezopolitiko, nayibiza le nkqubo ngokuba yiMayibuye Consultation Process. Abantu abakule komiti baquka uMenzi Ngubane noBishop Stephen Zondo, ukubalula abambalwa.
Ukuthotywa kukaShivambu kwisikhundla kuza emva kotyelelo lwakhe olungagunyaziswanga eMalawi ukuya kubona uMprofeti Shepherd Bushiri, nofunwa shushu ngabasemagunyeni boMzantsi Afrika ukuze azophendula amatyala ajongene nawo. Kukwakho namabango athi uShivambu ebezama ukubhukuqa uZuma, nawaphikayo la mabango. Uphinde waveza mva nje indlela iMK Party engenamkhondo ngayo, ebalisa ngoburharha ngendlela abavumelana ngayo ngezigqibo kanti ezo zigqibo ziza kutshintshwa xa usapho lusitya isidlo sangokuhlwa.
UNdlangamandla ulandela ekhondweni labanye ababesakuba ngamalungu eMK Party abafana noLuther Lebelo, uPatrick Sindane noMenzi Magubane abathe balandela uShivambu.