Iindaba

Urhulumente wephondo uza kutyelela iindawo ezithwaxwe zizikhukula eMthatha

Cwayita Nondula|Published

UMphathiswa weCogta eMpuma Koloni, uZolile Williams, uza kundwendwela iindawo ezithwaxwe zizikhukula eMthatha nakwindawo ezingqongileyo.

Image: ECCogta

UMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (Cogta), uZolile Williams, egameni likarhulumente wephondo leMpuma Koloni, uza kuqhuba utyelelo kwiindawo ezithwaxwe zizikhukula eMthatha nakwimimandla eyingqongileyo ngoLwesithathu, umhla wesibini kweyeKhala 2025.

Isithethi sikarhulumente wephondo, uKhuselwa Rantjie, ungqinile kwingxelo ukuba uMphathiswa uWilliams uza kuphelekwa nguSodolophu wesithili saseOR Tambo kwakunye nowoMasipala waseKing Sabata Dalindyebo (KSD).

URantjie uthi olu tyelelo luyinxalenye yeenzame eziqhubekayo zikarhulumente wephondo ukunika inkxaso kuluntu oluchaphazelekileyo nokuqinisekisa ukuziswa koncedo emva kwezikhukhula zenyanga ephelileyo.

"Inkqubo yoMphathiswa iza kubandakanya iseshoni yokunika ingxelo kunye namaqela asekuhlaleni okulawula iintlekele, ukutyelela kumaziko oluntu [apho abantu abaphulukene namakhaya bahlala khona] kunye neendawo zokuhlala ezichaphazelekayo, uthethathethwano neentsapho eziphulukene namakhaya abo, kunye nokubeka esweni ukuhanjiswa koncedo [okanye izibonelelo] kunye neenzame zokubuyiselwa kweenkonzo," utshilo uRantjie.

Kuthiwa uWilliams uza kubonelela ngohlaziyo lwamanyathelo aqhubekayo okuphendula intlekele kunye nenkqubela phambili yeenzame zokubonelela.

Linyuke laya kutsho kwikhulu elinambini inani (102) labantu abathe babhubha ngenxa yezikhukhula ezihlasele iphondo leMpuma Koloni ngenyanga yeSilimela.