Iindaba

Ivele enkundleni indoda etyholwa ngokubulala umama wayo

Pedro Mapelo|Published

ULesiba Ledwaba uvele enkundleni yaseSeshego, eLimpopo, apho abekwe khona ityala lokubulala unina.

Image: Facebook

Abantu belali yaseLimpopo bashiyeke bemangalisekile emva kokwenzeka kwento emasikizi endaweni yabo kutshanje. Oku kuvele izolo (ngoMvulo) enkundleni yaseSeshego – apho kuye kwema emkhumbini indoda etyholwa ngokubulala umama wayo.

Kuthiwa uLesiba David Ledwaba, 40, ubulele umama wakhe onamashumi asibhozo anesixhenxe (87) eminyaka emva koko wamnqunqa ngezembe nangesarha. Oku kubhentsiswe enkundleni izolo (ngoMvulo) ngumtsutshisi obeke ityala uLedwaba ekuthiwa nguye ogebenge unina obhaqwe eenentsuku ebhubhile.

Umama ongumakhelwane othethe kuSABC TV uthe uye wothuswa kukungabonakali kommelwane wakhe iintsuku ezimbini zonke. Kuthe kanti ubulewe, kwangoko kuye kwabikelwa amapolisa aye aqalisa uphando emva koko abamba umrhanelwa ongunyana wakhe.

Nangona uLedwaba ebekhangeleka engumntu ophazamisekileyo engqondweni ngoMvulo enkundleni – kodwa uye wavuma ukumelwa ligqwetha likaRhulumente eliza kumcelela ibheyile ngomhla wethoba kwiveki ezayo.

Omnye umntu waseSeshego othethe ethivini uthe sibothusile isenzo esenziwe nguLedwaba ongumrhanelwa ngoba ukhule engumntu othuleyo. Kodwa kwangaxeshanye batshilo ukuba ebengamphethanga kakuhle umama wakhe obesonqena ukumbambisa unyana wakhe.