Iindaba

Amapolisa afuna izalamane zendoda ebuleweyo eGqeberha

Cwayita Nondula|Published

Amapolisa afuna izalamane zomfo ongaziwayo nofunyenwe eNorth End, eGqeberha.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Abecuphi beSAPS Mount Road bafuna izalamane okanye nabani na onokuthi afanise umzimba wendoda efunyenwe ibulewe ngeCawe yomhla wama29 kweyeSilimela 2025 eNorth End, eGqeberha.

Kutyholwa ukuba ngezithuba zentsimbi ye07:05, isithuthi samapolisa aseSAPS Mount Road sasixakeke sijikeleza kwindlela iOld Ghrahamstown, eNorth End ngethuba sikhwazwa ngabahlali bekhombe kumzimba wendoda engaziwayo.

Isithethi samapolisa uKapteni Sandra Janse Van Rensburg uthi le ndoda ibinamanxeba amaninzi kumzimba wayo ongasentla.

"Umfi yindoda emnyama [ngokohlanga], emalunga nama30 eminyaka ubudala, ekhanyayo ngebala, onomzimba onciphileyo, nendevu echetyiweyo.

"Ebenxibe ihoodie emnyama, ikepusi egreyi, ijezi enemigca eluhlaza nablue, enesikipa esimhlophe ngaphantsi, iblukhwe ebomvu yetracksuit eneekawusi eziluhlaza kunye neembadada ezimnyama. Umfi ebenentambo esinqeni," ucacise watsho uJanse Van Rensburg.

Okwakhokelela ekubhubheni kwale ndoda akwaziwa okwangoku. Ityala lokubulala liyaphandwa.

Nabani na onokuthi ancedise ekukhangeleni usapho lwakhe okanye onokuthi akwazi ukumfanisa, uyacelwa ukuba aqhagamshelane noDetective Constable Thozama Msutwana weSAPS Mount Road ku067 598 8050 okanye iCrime Stop ku08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane okanye athumele iinkcukacha ngeMySAPS App.