Amagosa amathathu kaMasipala abanjwe emva kokuyanyaniswa nokuba isixhobo sombane esixabisa malunga nezigidi ezisixhenxe zeerandi.
Image: SAPS
Amagosa amathathu kaMasipala waseTshwane abanjwe namhlanje emva kokuba eyanyaniswa nokubiwa kwesixhobo sombane (transformer) kwisikhululo sokuvelisa umbane iLaudium esixabisa malunga nezigidi ezisixhenxe zeerandi (R7 million).
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uColonel Dimakatso Nevhuhulwi, uphando olunzulu lwecandelo leGauteng Organised Crime lukhokelele ekubanjweni kwabasebenzi abathathu.
UNevhuhulwi uthi oku kubanjwa kulandela uphando oluqhubekayo noluqale kunyaka ophelileyo kweyeNkanga, apho abarhanelwa abalishumi elinanye baqale babanjwa ngokweba esi sixhobo sombane.
"Abarhanelwa abalishumi, ababengoonokontraka, baye bakhululwa emva kokuba kungekho nto ebambekayo ebayanyaniswa nolwaphulomthetho kwaye omnye ongumsebenzi kaMasipala wavalelwe kwaye sele evele izihlandlo ezininzi enkundleni, ngoku ugcinwe eluvalelweni de kube ngumhla wesibhozo kweyeThupha 2025," utshilo uNevhuhulwi.
UMkomishinala weSithili saseTshwane, uMajor General Samuel Thine, ulincomile eli qela ngeenzame zabo eziqhubekayo zokuqubisana nolu lwaphulomthetho. Uphinde waqinisekisa uluntu ukuba amapolisa aza kuqhuba esebenza nzima ekuqhawuleni amaqela ajolise kwiziseko ezingundoqo ezibalulekileyo kunye nolwaphulomthetho olunxulumene noko njengoko oku kunefuthe elibi kuqoqosho lwelizwe.
Abarhanelwa abathathu ababanjwe namhlanje, umhla wokuqala kweyeKhala 2025, baza kubekwa ityala lobusela beziseko ezingundoqo kwaye kulindeleke ukuba bavele phambi kwenkundla kamantyi wasePitoli ngomso, umhla wesibini kweyeKhala 2025. Baninzi abantu abalindeleke ukuba babanjwe njengoko uphando lusaqhubeka.