Iingcebiso ezivela kuXolisa Bangazi malunga nokuba ungahlala njani ukhuselekile ezindleleni ebusika ukuba uthabathe uhambo.
Image: iStock
UMzantsi Afrika ubekwe njengelona lizwe liyingozi ukuqhuba kulo ehlabathini iminyaka emibini ilandelelana, ngokwengxelo yeZutobi ethi World’s Safest and Most Dangerous Roads.
Njengoko iiholide zesikolo ziqala ngeli xesha lasebusika, abantu abaninzi baza kuhamba kwiindlela ezahlukeneyo kwilizwe liphela. Iqumrhu lolawulo lwendlela iRoad Traffic Management Corporation (RTMC) lisandula ukulumkisa ngelithi iimeko zemozulu zasebusika zinegalelo elikhulu kwiziganeko zokubhubha kwabantu, inyanga yeSilimela inomyinge wokusweleka kwabantu abangaphezu kwewaka ngonyaka kule minyaka mine idlulileyo.
UXolisa Bangazi onguMlawuli oPhetheyo wePEG uthi iiholide zasebusika zinika ixesha lokuya kubethwa ngumoya kwiintsapho ezininzi. "Kodwa amaxesha amaninzi, abaqhubi bayasilela ukuqonda ukuba iimeko zendlela zinokutshintsha ngokukhawuleza. Into ebonakala ngathi yinkungu engenabungozi, okanye ikhephu elinomfanekiso ogqibeleleyo unokujika ube yingozi ngokukhawuleza. Iingozi ezizifihla emva kweendlela ezibukekayo akufunekanga zijongelwe phantsi," utshilo uBangazi.
Imimandla eyahlukeneyo yaseMzantsi Afrika ukusuka kwiindlela zeentaba zaseCeres nakwezinye iindawo zeNtshona Koloni ukuya kwiindlela eziphakamileyo zaseFreyistata naseMpuma Koloni zithanda ukuba nemingcipheko yasebusika njengekhephu, inkungu, imvula, nomkhenkce. Kutshanje, ikhephu elinamandla kunye nemvula ephazamisayo ikhokelele kwizikhukula ezibangele ukuvalwa kweendlela ezinkulu kunye neengozi ezininzi eMpuma Koloni.
Ngaphambi kokuba uhambe kuhambo lwakho lwasebusika, nazi iingcebiso zokhuseleko ezivela kuBangazi onokuzisebenzisa: