Iindaba

Uvele enkundleni owabulala intwazana ibithunywe evenkileni eMotherwell

Cwayita Nondula|Published

Indoda eyanyaniswa nokubulawa kukaLithaliyanda Ntini uvelile enkundleni, kwaye ityala lakhe limiselwe iveki ezayo.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Umrhanelwa kwityala lokubulawa kukaLithaliyanda Ntini oneminyaka elishumi elinesibini ubudala, uvele okokuqala enkundleni namhlanje. Umrhanelwa, uSonwabo Nqayi (39), notshate nodade boLithaliyanda, ujongene netyala elinxulumene nolu lwaphulomthetho.

Inkundla imbuyisele eluvalelweni uNqayi, kwaye ityala lakhe lihlehliselwe umhla we7 kweyeKhala 2025 ukuze afake isicelo sebheyile ngokusesikweni kwinkundla kamantyi yaseMotherwell.

I'solezwe lesiXhosa libike ngaphambili ukuba le ntwazana, uLithaliyanda, wesitalato iLuzipho, kwaNU10, eMotherwell nobechazwe ngoLwesibini kwiveki ephelileyo njengobelahlekile, umzimba wakhe ubhaqwe emva kosuku edukile kwihlathi elikwisitalato iKhabonqaba kwaNU6, eMotherwell kusasa ngoLwesihlanu umhla wama27 kweyeSilimela 2025.

Ngokwengxelo ekhutshwe ngamaPolisa ngoLwesine weveki ephelileyo, uLithaliyanda uphume emva kwentsimbi yesine emalanga kowabo esiya kwivenkile aqhele ukuya kuyo ekufutshane nakowabo eyokuthenga isonka akabuya.