UJulius Malema noKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo batyelele amaxhoba eempuphuma eMthatha kwimpelaveki egqithileyo.
Image: EFF/Facebook
Inkokheli yombutho ophikisayo, iEconomic Freedom Fighters, igxeke uRhulumente ngokucotha kwiinzame zakhe zokunceda amaxhoba eemvula ezinkulu eMthatha. UJulius Malema uthethe nabantu abalahlekelwa zizinto zabo emva kokujikelela kwiindawo ezachanywa kakhulu ziimpuphuphuma kwimpelaveki edlulileyo.
Kwasweleka abantu abalikhulu nesibini (102), kwadilika izindlu, izikolo, iindlela, kwamoshakala iimoto kwafa nemfuyo ngenxa yamanzi awagubungela indawo yaseDikolina. UMalema uthe iinzame ezenziwa ngamagosa kaRhulumente ezihlangabezana nemfuo zamaxhoba zihamba kancinci kakhulu.
"Emva kokubhubha kwabantu abangaphezulu kwekhulu, umkhosi uze kanye apha. Xa kukho intlekele, bekufanele ukuba kuyagxagxanyiswe. Akukho sidingo sokubiza iintlanganiso ezingaphelileyo. Makuyiwe ebantwini," utshilo uMalema, obekhatshwe zezinye iinkokheli eziphezulu zombutho wakhe.
UKumkani uBuyelekhaya Dalindyebo naye ebekhona kwabo bebekhaphe uMalema. Emva kwesehlo, iinkokeli zikaRhulumente eziquka uMongameli Cyril Ramaphosa noLubabalo Mabuyane ziyile kwiindawo ezibetheke kakhulu. Amasebe afana neleZentlalontle neleZokuhlaliswa koluNtu sele ebanikile abantu iinkonzo ezibalulekileyo.
URhulumente uthe uza kubakhela izindlu zethutyana bonke abaphulukene nezindlu zabo. UMalema ubongoze ukukhutshwa kongcebo olukhawuleziyo watsho ethembisa njelithi iEFF iza kuzincedisa iintsapho ezilahlekelweyo kumalungiselelo emingcwabo.
Ngaphezulu koko, uthe umbutho wakhe uza kuqubisana naye nawuphi umntu ongumqobo ekungcwatyweni kwabantu. "Akukho mntu ongazukungcwatya apha. Siza kuqinisekisa ukuba yonke into iyenzeka. Abantu abangenazo iindawo mabavulelwe ezicaweni nasezikolweni bahlale.
"Simema abantu abafumileyo ngelithi mabafake isandla, ingakumbi oosomashishini abamnyama. Xa kwehle intlekele eKapa, iinkampani zithumela zonke izinto ezidingekayo. Kutheni zingabonakali apha? Intlekele ibathathele zonke izinto zabo abantu, basibancedise bakwazi ukwakha ubomi babo kwakhona," utshilo uMalema.