Iindaba

Ngaba udlalwa ngamaxabiso e-intanethi?

Cwayita Nondula|Published

Amaxabiso aguqukayo liqhinga elisetyenziswa ziivenkile ezikwi-intanethi apho amaxabiso angazinzanga.

Image: Uthunyelwe

Ufumana into oyithandayo kwivenkile ekumnatha okanye kwi-intanethi, ugqiba ekubeni ubuyele kuyo, xa ubuyela kuyo, ixabiso litshintshile. Ngaba yakha yakwehlela le nto?

UJonathan Spencer we-OneDayOnly.co.za ucacisa oku njengeqhinga eliqhelekileyo lamaxabiso elihlengahlengisa amaxabiso ngokusekelwe kwizinto ezifana nemfuno, ixesha losuku, okanye nokuba ujonge amatyeli amangaphi loo nto.

"Amaxabiso aguqukayo ayonto imbi ngokupheleleyo, inceda abathengisi balawule izinto abazithengisayo, baphendule kwiindleko zokubonelela, kwaye bahlale bekhuphisana. Iinqwelomoya ziyisebenzise [eli qhinga] iminyaka, ngamanye amaxesha zinexabiso eliphantsi ngexesha lokuhamba elizolileyo. Ngendlela efanayo, abathengi ngamanye amaxesha banokufumana amaxabiso angcono xa imfuno iphantsi.

"Umceli mngeni asikokuba amaxabiso ayatshintsha, kukuba abathengi badla ngokungazi ukuba ixabiso litshintsha nini okanye kutheni," ucacise watsho uSpencer.

Oku kukwathetha ukuba abantu ababini abathenga into enye ngamaxesha ahlukeneyo okanye nakwizixhobo ezahlukeneyo basenokungaliboni ixabiso elinye. Ingxaki yokwenyani, utsho uSpencer, kuxa utshintsho lwexabiso lwenzeka ngaphandle kwengcaciso.

"Abathengisi kufuneka banyaniseke nabo. Ukuba amaxabiso atshintsha ngokusekwe kwiimeko ezithile, xelela nje abantu. Akukho mntu uthanda ukuziva engaqinisekanga malunga nexabiso. Utshintsho lwamaxabiso kufuneka lucace njengemali yokuhambisa impahla okanye imida yempahla," utshilo uSpencer.

Ngokweenkcukacha zabathengi, i80% yabathengi bathi abathengisi abanamaxabiso angaguquguqukiyo athembekile, kwaye i42% izimisele ukuhlawula ngaphezulu ukuba ukuzinza kwexabiso kuqinisekisiwe.

Kengoku, ukuphepha njani ukuzibona ugaxeleke kumaxabiso aguqukayo? USpencer ucebisa abathengi ukuba basebenzise izixhobo zokulandelela ixabiso ukuze babone utshintsho ngaphambi kokuthenga, cima iikuki (browser cookies) zakho okanye ungene usebenzisa i-incognito kwibrowser yakho ukunqanda ukunyuka kwamaxabiso okwenzelwa umntu, thelekisa amaxabiso kuwo onke amaqonga ahlukeneyo phambi kokuba uzibophelele kwaye ubukele indlela amaxabiso atshintsha ngayo; ukuba atsiba rhoqo, mhlawumbi ubona amaxabiso aguquguqukayo.

"Ukuthenga kwi-intanethi akufanele ukuba yinto yokuqikelela. Ukuba lixabiso eliguquguqukayo okanye elisisigxina, izinto ezicacileyo kufuneka kube ngumgangatho," uqukumbele watsho uSpencer.