Iindaba

Kubanjwe ababini abayanyaniswa nokubulawa kukanogada waseFort Hare

Cwayita Nondula|Published

Isibini, uBafana Chiliza noNkosiyazi "Dipopoz" Maphumulo, esibanjwe eGoli.

Image: SAPS

Ababini kwabathathu ababefunwa ngetyala lokubulala uMboneli Vesele ngo2023 nowayengunogada weNgqonyela yeYunivesithi yaseFort Hare, uNjingalwazi Sakhele Buhlungu, babanjiwe eZakariyya Park eGoli.

UVesele wadutyulwa wabulawa engaphakathi emotweni ngethuba elinde iNgqonyela ngaphandle komzi wale nqununu yaseFort Hare eDikeni, eMpuma Koloni ngomhla wesithandathu kweyoMqungu ngo2023.

Ngomhla we15 kweyeNkanga ka2024, iSAPS yapapasha imifanekiso yabarhanelwa nesicelo kuluntu ukuba luncedise ekufumaneni abarhanelwa abathathu ababefunwa emva kokufumana incwadi iJ50 egunyazisa ukubanjwa kukaBafana Chiliza, Nkosiyazi “Dipopoz” Maphumulo noSiphiwo “Spijojo” Jejane.

Isithethi samapolisa kuzwelonke, uAthlenda Mathe, uthe ngomhla wama21 kweyeSilimela ka2025, iqela liye laya eZakariyya Park eGoli kulandela ubuntlola nolwazi oluvela kuluntu.

"Ababini kwabathathu babanjiwe. ISAPS iyangqina ukuba uBafana Chiliza kunye noNkosiyazi Maphumulo baseluvalelweni kwaye baza kubekwa ityala ngokufanelekileyo," utshilo uMathe.

USiphiwo "Spijojo" Jejane nosafunwa ngamapolisa.

Image: SAPS

UMkomishinala kaZwelonke weSAPS, uNjengele Fannie Masemola, uthathe eli thuba ukubulela amajelo eendaba, amakhasi onxibelelwano kunye noluntu ngokuncedisa abaphandi bamapolisa ukuba bafumane abenzi bobubi.

UNjengele Masemola uncome igqiza eliphandayo elisebenza ngokuzibhokoxa lizama ukubamba bonke abo bathe babulala abantu kwiYunivesithi yaseFort Hare.

"Uluntu ludlala indima ebalulekileyo ekuncediseni umsebenzi wamapolisa ukubamba abarhanelwa abafunwayo. Sibulela bonke abachaphazelekayo ngokudlala indima yabo," utshilo uNjengele Masemola.

Ngokwengxelo yamapolisa, inani labarhanelwa ababanjiweyo malunga neziganeko zokubulala eFort Hare ngoku balishumi elinesibini. Abanye abalishumi babanjwa ukusukela ngo2023, abanye baseselugcinweni lwamapolisa.

Amapolisa asakhangela umrhanelwa wesithathu uSiphiwo Jejane. Onolwazi malunga nalapho akhoyo uyakhuthazwa ukuba aqhagamshelane noWarrant Officer Nkosi ku082 557 5789 okanye uSajini Mokoena ku081 851 7758.