Owayesakuba nguNobhala Jikelele wombutho weMK Party, uFloyd Shivambu, ubhengeze ukuqala kwenkqubo yokuqala umbutho omtsha wezopolitiko kulandela izityholo zokuzama ukubhukuqa uJacob Zuma njengenkokeli yeMK Party.
Image: Timothy Bernard/Independent Media
UFloyd Shivambu uthi amalungu amaninzi oMkhonto Wesizwe Party akonwabanga ngenxa yendlela ephethwe ngayo. Le ndedeba, ebikade inguSosiba weMK Party, ikuthethe oku ngoLwesihlanu ogqithileyo xeshikweni inomhlangano namajelo eendaba eMidrand, eGauteng - apho ibhengeze khona amagama abantu abaza kumncedisa kwiphulo layo lokusungula umbutho wezopolitiko omtsha.
Oku kwenzeka emva kokuba uMkhonto Wesizwe Party wamsusa uShivambu esikhundleni emva kokutyelela eMalawi engagunyaziswanga. Phantsi kwesihloko esithi 'Mayibuye', uShivambu ubhengeze amagama wabantu abaquka uNolubabalo Mcinga, uPatrick Sindane, uMenzi Magubane noLuther Lebelo asuka nabo kuMkhonto Wesizwe Party eyonganyelwe nguMnu. Jacob Zuma owayenguMongameni woMzantsi Afrika.
Inani nabantu abaza kuququzelela umbutho omtsha libonisa ukuba uShivambu umke nenani elibonakalayo labantu kwiMK Party eyothuse abantu abaninzi kulonyulo lukazwelonke obelubanjwe kunyaka ophelileyo.
"Amalungu amaninzi kwiMK Party akonwabanga ngenxa yendlela ephethwe ngayo," utshilo uShivambu ezama ukondlala elubala izizathu ezibangele kubekho abantu abamlandelayo.
"Yinyaniso le ndiyithethayo. Abantu abaninzi babethembele kwiMK Party kuba bebeyibona njengombutho onokungena endaweni yeAnc ebhangayo. Kodwa ngendlela eyiyo iMK Party, ngeke ikwazi ukukhulula abantu baseMzantsi Afrika. Nithi nisazimisele ukwenza izinto enizigqibe entlanganiswe, nixelelwe ukuba ayizukwenzeka lo nto," utshilo uShivhambu kwiveki ephelileyo.