uSamsung uze noTheft Protection oza kukhusela iinkcukacha zabantu
Image: Samsung
Njengokuba kukhula ukusetyenziswa kweemfonomfono elizweni laseMzantsi Afrika nakwihlabathi lonke, kwangaxeshanye ubusela bufikelele kwiqondo elixakileyo. Kwiidolophu ezinkulu njengeGoli, kuxelwa ukubiwa okanye ukulahleka kweemfonomfono ezingaphaya kwewaka yonke imihla.
Ngenxa yalo nto, uSamsung uze neqhinga elitsha eliza kuqubisana ngqo nobusela. Le nkampani eyaziwa jikelele kwihlabathi lonke ngokwenza iifowuni ezisemgangathweni ophezulu, ifake ubuchule obuza kuqinisa ukhuseleko lweenkcukacha, ngakumbi kwabahla kwiindawo eziyingozi.
iApp engaphakathi kwiSamsung ekuthiwa yiTheft Protection yenzelwe ukukhusela iinkcukacha zomntu obelwe imfonomfono yakhe. Nokuba umntu oyibileyo unayo ipini yokuyivula - kodwa ngeke akwazi ukuyisebenzisa imfonomfono ngoba ngoku ikhona indlela yokumphazamisa.
Ubuchule obutsha obebufakwe kwiiGalaxy S25 series ekuqaleni kwalo nyaka ngoku bufakwe kuzo zonke iimfonomfono eziveliswe nguSamsung. Le nto ifakelweyo ngoku iyakwazi ukuhlola imeko kwindawo akuyo umntu izitshixe (ifowuni) xa kukho into ekrokrelekayo.
Umnikazi wemfonomfono angamsebenzisa uTheft Protection xa efake iinkcukacha zakhe eziquka ubuso bakhe. Ngokwenza njalo, ukhusela iinkcukacha zakho nokuba ifowuni ibiwe. Xa ibiwe ifowuni, uSamsung uyayivala angakwazi ukufumana indlela yokuyivula lowo uyibileyo.
Ubuchule obutsha buza kunceda obelweyo akwazi ukuyitshixa ifowuni yakho nokuba ayikho kuye. Angayisebenzisa enye ifowuni okanye ikhomputha ayivale ebiweyo ngokufaka iinkcukacha zakhe kwesesandleni kuye. Iinkcukacha ezigcweleyo ngayo yonke le nto zifumaneka ku: www.samsung.com/za