Iindaba

ActionSA: 'UMongameli makabasuse bonke'

Cwayita Nondula|Published

Inkokeli yasePalamente yeActionSA, uAthol Trollip, uthi iActionSA ithi uMongameli kufuneka angasusi uSekela Mphathiswa omnye kuphela, makabasuse bonke.

Image: Henk Kruger/Independent Newspapers

IActionSA ithetha oku emva kokuba uSekela Mphathiswa wezoRhwebo, uShishino noKhuphiswano, uAndrew Whitfield, eboniswe umnyango. IActionSA ithi uMongameli makabasuse bonke ooSekela baPhathiswa abangama42 abasaseleyo kwikhabhinethi yakhe.

Ethethe egameni leActionSA, inkokeli yalo mbutho ePalamente, uAthol Trollip, uthe uMongameli makanciphise ikhabhinethi yakhe.

"Ikhabhinethi kaMongameli Ramaphosa ayisiyiyo nje enye yeekhabhathi ezinkulu kwihlabathi, kodwa ikwangasebenzi kakuhle ngenxa yeengxaki zentlalo nezoqoqosho ezibonisa ukusilela okubangelwa lutshintsho olungekhoyo.

"UMongameli makasebenzise eli thuba, nanjengoko iActionSA kudala ibongoza, kufuneka anciphise ikhabhinethi kwaye abuyisele ulawulo olusebenzayo. Ngelishwa, ngelixa uMongameli ethe akanazinjongo zokwenza iinguqu ezininzi kwikhabhinethi yakhe, iActionSA ikholelwa ukuba eli ibilithuba eliphosiweyo lokwenza izigqibo ezizizo kunye nokukhokelela ilizwe kwicala elitsha," utshilo uTrollip.

UTrollip uthe uMongameli wohlulekile ukubasusa abo badyojwe "burhwaphilizo kunye nolawulo olugwenxa."

"Abantu abafana noMphathiswa uSimelane, babandakanyeka kwizinto ezithandabuzekayo neVBS, uNtshaveni kungoku nje uphantsi kophando lweNPA kunye noMphathiswa uNkabane, owalahlekisa iKomiti yePalamente malunga nokuchongwa kwabantu kwiSETA, bekufanele ukuba bayasuswa ngoko nangoko. Kunoko, basahleli gunqu," utshilo.

UTrollip ukwathe iActionSA yazisa umthetho osayilwayo iEnhanced Cut Cabinet Perks Bill ukucutha inzuzo yekhabhinethi, uthi lo mthetho uyilwayo uyinxalenye yeCabinet Reform Package – baza kuthi thaca kungekudala iConstitutional Amendment Bill ePalamente ukuze kupheliswe izikhundla zooSekela baPhathiswa ezinokonga ngaphezulu kwebhiliyoni yeerandi (R1.5 billion) ngonyaka.

IOfisi kaMongameli isandula ukubhengeza isigqibo sikaMongameli sokubonisa uWhitfield weDemocratic Alliance umnyango, apho bathe baqinisekisa ukuba uMongameli akanazo izicwangciso zokuhlengahlengisa ikhabhinethi yakhe phakathi kwamarhe okuba kungahlengahlengiswa.

Ethetha neRadio 702 kutshanje, uWhitfield uthe akasifumananga isizathu sokugxothwa kwakhe nguMongameli, endaweni yoko wathi usebenze kakuhle ngexesha lakhe kurhulumente. UWhitfield ucinga ukuba ugxothelwe uhambo lwaseMelika awaluthatha egameni leDA kwinyanga yoKwindla.