Kudlwengulwe kwabulawa umfundi, 14, KwaMfula kuTsolo.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Amapolisa acela uncedo ngalo naluphi na ulwazi olunokuthi luwancede ekufumaneni umenzi wobubi odlwengule wabulala umfundi (14) ofunyenwe kufutshane nehlathi KwaMfula kuTsolo.
Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Namhla Mdleleni, ixhoba lihambe lisiya esikolweni ngoLwesihlanu umhla wama20 kweyeSilimela 2025, kodwa alizange libuyele ekhaya.
"Emva kwephulo lokukhangela eliqhutywe ngamapolisa kunye nabahlali ngeCawe, umhla wama22 kweyeSilimela 2025, umzimba wakhe wabhaqwa kwisakhiwo esidilikileyo kufutshane nehlathi enamanxeba. Uphando lweforenziki luye lwaqinisekisa ukuba waye waxhatshazwa ngokwesondo ngaphambi kokubulawa kwakhe," utshilo uMdleleni.
Ityala liye ladluliselwa kwiCandelo loBundlobongela boSapho, uKhuseleko lwaBantwana kunye noLwaphulomthetho lwezeSondo (FCS). Akukabanjwa mntu ukuza kuthi ga ngoku.
Amapolisa abongoza nabani na onokuba nolwazi olunokunceda kweli tyala ukuba atsalele umcuphi oqhuba uphando, uSajini Malangeni ku073 636 0890, okanye angatsalela iBambela leNkumanda yesiKhululo uKapteni Tuswa ku082 302 7499.