Umngcwabo wowayesakuba nguMongameli waseZambia uEdgar Lungu uye wanqunyanyiswa emva kokuba urhulumente waseZambia ebhenele enkundleni ukuba umiswe.
Image: Twitter / @EdgarCLungu
Inkundla ephakamileyo eRhawutini ikunqumamisile ukungcwatywa kweli loMzantsi Afrika kwalowo wayesakuba nguMongameli welizwe laseZambia uEdgar Lungu.
Ingxaki yokungavisisani phakathi kosapho lakwaLungu kwakunye norhulumente waseZambia malunga nendawo amakangcwatyelwe kuyo luqavile.
Kwingxwabangxwaba eqhubekayo phakathi kosapho lakwaLungu kunye norhulumente waseZambia, urhulumente waseZambia uye wabhenela ezinkundleni zeli.
Othethe egameni losapho lakwaLungu, uMakebi Zulu, uthi ukubhubha kukaLungu makungasetyenziswa njengesixhobo sokuzuza amanqaku esidlangalaleni.
"Akukhange kubelula ukuba lo kaLungu azifumane ekwilizwe loMzantsi Afrika apho athe wabhubhela khona ezokufumana unyango, kodwa kube ngenxa yeengxaki azifumene elizweni lakhe," kutsho uZulu.
UZulu uthethe namajelo eendaba ngethuba bekuqhutywa inkonzo yokunika imbeko kuLungu eHillbrow, eRhawutini.
"Bekutheni ukuze azokufika eMzantsi Afrika ngolu hlobo eze ngalo azibone ejikwajikwa ngemibuzo ngokungathi ngumntu ongaziwayo, konke oku kubonisa ukuba akakhange aphatheke kakuhle," ucacise watsho uZulu.
UZulu uthi uLungu wanyanzeleka ukuba alinde iUber ukusuka kwisikhululo seenqwelomoya, utyhola ngelithi akakhange anikwe mbeko yakhe njengomntu ebenguMongameli ngaphambili.
Konke oku kwenzeke nangona usapho lukaLungu belulungiselele umngcwabo wakhe izolo umhla wama25 kweyeSilimela.