UNobhala Jikelele weSouth African Royal Princesses Network uthi bazimisele ukulwa ubundlobongela obusekelwe kwisini kweli loMzantsi Afrika.
Image: Uthunyelwe
Ilizwe loMzantsi Afrika lixakene nengxaki yokubulawa kwamanina nabantwana, ngokukodwa bebulawa ngamadoda okanye oogxa babo abangamadoda.
Indibanisela yamakhosazana wamakomkhulu oMzantsi Afrika (South African Royal Princesses Network) ngomlomo kaNobhala Jikelele wayo, uNandile Ndamase, izimisele ukudlala indima ukulwa le ngxaki.
Lo mbutho wenziwa ziintokazi ezizalwa kumakomkhulu elizwe loMzantsi Afrika ngokubanzi.
"Kufuneka kumiselwe iinkqubo zexesha elide ezijoliswe ukulwa ingxaki yokubulawa kwamanina nabantwana, logama kukwakhuthazwa ukuhluma koqoqosho ezilalini," uthethe watsho uNdamase.
Inyanga yeSilimela yaziwa ngokuba yinyanga yabantu abatsha kweli loMzantsi Afrika, kwaye ikwajoliswe ukuqaphela impilo yamadoda ngokwezigulo zengqondo.
"Ezi nkqubo kufuneka zisiwe kanye ezikolweni ukuze kufundiswe kukwakhuselwa ulutsha, ngenxa yokuba amadoda asoloko engabatyholwa abaphambili, kumele sigxile kubantwana abangamakhwenkwe kwiimfundiso zethu, " ucacise watsho uNdamase.
Urhulumente woMzantsi Afrika wenza iinzame mihla le ezama ukuba kuxhotyiswe amakhosikazi kwakunye namadoda ngeendlela zokulwa lo mkhuba.
"Mihla le sifumana iindaba zokunyuka kwamanani wabantwana abangamakhwenkwe abahlukunyezwayo ngokudlwengulwa okanye ukubulawa, isiganeko esitsha esandula ukwenzeka seso sikaAnga Ndema waseTsomo," kutsho uNdamase.
IOfisi kaNobhala weSouth African Royal Princesses Network inoxanduva lokuqinisekisa ukufundiswa koluntu ngokuqhuba iinkqubo zokutyelelwa koluntu kwiindawo ngeendawo.