ISouth African Local Government Association (SALGA) ibambisene neMTN Foundation iza kunikezela ngoomatrasi abangaphezulu kwekhulu (100) nezinto zokuthambisa ezingaphaya kwamakhulu amathandathu (640) eziza kwahlulwa phakathi koMasipala waseKSD nowaseMnquma ukuze abantu abachatshazelwe zizikhukula baxhamle.
Eli phulo liza emva kokuba kuhlatywe ikhwelo ngeSALGA Cares kucelwa iminikelo esuka kumaqela achaphazelekayo namalungu oluntu ukuze kuncedwe abo bachatshazelwe zizikhukula kutshanje kwaba Masipala ababini (KSD neMnquma), ngokwengxelo kaSALGA.
Unikezelo lokuqala kuthiwa luza kuqhutywa namhlanje eInnoview 1 B&B eForgale, eMthatha ngentsimbi yeshumi kusasa.
UMesuli Ngqondwana onguSihlalo wePhondo weSALGA kunye noSodolophu kuMasipala weSithili iOR Tambo uza kukhokela igqiza eliya kwiziko leentlekele laseFortgate, ekhatshwa ngabameli beqela lakwaMTN.
Ngomso ngoLwesine, kuthiwa uMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli eMpuma Koloni (Cogta), uZolile Williams, uza kukhokela igqiza likaSALGA noMTN kunikezelo kuMasipala waseMnquma oluza kubanjelwa kwiiofisi zalo Masipala ngentsimbi yeshumi elinanye kusasa.
Abantu abaphulukene namakhaya ngenxa yezikhukhula ezihlasele eli phondo ekuqaleni kwale nyanga bahlala kumaziko ohlukeneyo kwaye bafumana uncedo ngayo yonke into nanjengoko bephulukene nayo yonke into.
Ngaphambili I’solezwe lesiXhosa libike ukuba kukho izicwangciso zokubonelela abo bangenamakhaya ngoku ngenxa yezi zikhukhula ngezindlu.
USodolophu woMasipala waseKSD, uNyaniso Nelani, uthe kwingxelo yangaphambili bayabuqonda ubunzima abahlali abajongene nabo ngenxa yezikhukhula. "Eyona nto iphambili kuthi kukubonelela amaxhoba ezikhukula ngezindlu ezisisigxina. Sikwazimisele ukubuyisela isidima sabahlali bethu kwaye siqinisekise ukuba banendawo ekhuselekileyo abangayibiza ngokuba likhaya."