Iqikelelwa kwiR5.1 billion idemesha eyenziwe ziimvula ezinkulu kwiindawo ezithile eMpuma Koloni.
Image: Pedro Mapelo
Umonakalo odalwe ziimvula ezinkulu kwiphondo leMpuma Koloni uqikelelwa kwiibhiliyoni zeerandi (R5.1 billion). Le yingxelo enikwe iPalamente liSebe lakwaCogta kule veki. Kwisithuba seeveki ezimbini ezidlulileyo, iindawo ezifana noMthatha, iGcuwa nezinye zagutyungelwa ngamanzi emva kweemvula ezinkulu ezishiye idemesha engummangaliso.
Ngabantu abaqabele kwikhulu (101) abaswelekileyo kwiphondo lonke, kwamoshakala izikolo eziliqela, iindlela, iibhulorho, imizi yabantu, iimoto nemfuyo. Eyona ndawo echaneke kakhulu nguMthatha - apho kukho inani eliphezulu labantu ababhubhileyo nemizi emoshakeleyo.
Ingxelo ekhutshwe sisithethi sikaRhulumente wephondo, uKhuselwa Rantjie, ithe amashumi alithoba anesithandathu emizimba (96) yabantu ababhubhileyo sele ifanisiwe futhi seyingcwatyiwe eminye. Emithandathu isahleli elugcinweni kuba ingekafaniswa ngabantu abasondeleyo nezihlobo zabangasekhoyo.
Amashumi asixhenxe anesithandathu abantu abaswelekileyo (76) ngabantu beendawo eziphantsi kweO.R Tambo District Municipality. Abantu abalishumi (10) abaswelekileyo ngabaseAmathole Municipality, bahlanu (5) eChris Hani District, bahlanu eAlfred Nzo District, babini eJoe Gqabi District Municipality naseSarah Bartman Municipality babini.
Abadala abaswelekileyo abantu bangamashumi amathandathu anesithathu (63), abantwana bangamashumi amathathu anesixhenxe (37). Inani labantwana ababhubhileyo liquka abesikolo abangamashumi amabini, abanye babo bemka nebhasi eyadudulwa ngamanzi anamandla omlambo ekuthiwa yiCicirha.
Ngexesha lokwehla kwesithwakumbe, inkokeli yephondo uMnu. Oscar Mabuyane yazindulula zonke iintloko zamasebe ukuze zikwazi ukuhlangabezana neengxaki zabantu emva konogumbe.
Kwiveki ephelileyo, uMongameli Cyril Ramaphosa uye wayokuhlola idemesha eyenzeke eDikolina, eMthatha, apho kusweleke abantu abaninzi abangazange bakwazi ukubaleka ngenxa yokuvalelwa ngamanzi ezindlini.
Sebencediwe abantu ngokutya, iimpahla, izazisi neenkonzo zesibonelelo futhi uRhulumente kazwelonke uthe uza kubakhela izindlu zethutyana ukuze baphume kwiindawo abagcinwe kuzo. Kusakhangelwa imizimba yabantu engekafunyanwa.