IKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo uthi uZola Yolelo wayengeyoNkosi, watsho elumkisa abanye abazenza iinkokeli zemveli.
Image: EFF/Umfanekiso ogciniweyo
IKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo uyigxininisile into yokuba akayoNkosi obeyinkokeli kushishino lweeteksi, uZola Yolelo, nobulewe kunye nabanye abarhanelwa abahlanu ngethuba betshintshiselana ngeembumbulu namapolisa, nebekwiqela ebelirhanelwa ngokubandakanyeka kwizenzo zokurhafisa abantu abanamashishini (extortion) kwingingqi yaseMthatha.
UKumkani uDalindyebo ulumkise abanye abantu "abazenza iiNkosi okanye iinkokeli zemveli" abavumela izenzo zokurhafisa abantu kule ndawo ukuba bayeke ngokukhawuleza ezi zenzo zolwaphulomthetho.
"Yinto eyaziwayo ukuba iKomkhulu yabaThembu yathatha amanyathelo asemthethweni ngakuMnu. Zola Yolelo phambi kweNkundla ePhakamileyo yaseMthatha neyangqina ngempumelelo ukuba [uYolelo] akanasikhundla ngokwasemthethweni njengenkokeli yommandla waseMthatha West njengeNkosi okanye inkokeli eqhelekileyo," itshilo iofisi kaKumkani uDalindyebo kwingxelo.
IOfisi yeKumkani iqhubekile yathi emva kokubhubha kukaMnu. Mareke naye wakwingingqi yaseMthatha West, ngaphambili ubukhosi balumkisa ngelithi bonke abanye oonqevu baza kujongwana nqo ngabomthetho.
UYolelo ebephakathi kwabarhanelwa abathandathu abadutyulwa babulawa ngethuba bedubulana namapolisa kuhola wendlela uR61 phakathi koMthatha neNgcobo ngoMvulo, umhla wama23 kweyeSilimela 2025.
UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Norman Modishana, uqinisekise ukuba amalungu ajongene nobundlobongela beeteksi, iTaxi Violence Task Team, asasazwe kule ngingqi.
"Bebelandela ulwazi malunga nabarhanelwa ababandakanyeka kumatyala okurhafisa abantu namanye amatyala okubulala. Babone esi sithuthi sihamba kuR61, ngethuba bezama ukusimisa, abarhanelwa baphuma badubula amapolisa aza amapolisa aphindisa adubula abulala abarhanelwa abathandathu," utshilo uModishana.
Umbutho woonoteksi, iSANTACO, uvakalise "intlungu nomothuko" ngokubhubha kukaYolelo obenguSihlalo wabo kaZwelonke.
"Uza kukhunjulwa ngokuzinikela kwakhe okungagungqiyo kunye nendlela yakhe yobunkokeli. Iingcinga nemithandazo yethu ikusapho lwakhe, oogxa bakhe, kunye neshishini [leeteksi] liphela ngeli xesha linzima," utshilo uRebecca Phala egameni leSANTACO.