Linyuke laya kutsho ngaphaya kwekhulu inani labantu abathe babhubha ngenxa yezikhukula eMpuma Koloni.
Image: Uthunyelwe
Inani labantu ababhubhileyo ngenxa yezikhukhula ezitshabalalisayo eMpuma Koloni lidlule kwikhulu kwaye eli nani kulindeleke ukuba linyuke njengoko zisaqhubeka iinzame zokukhangela nokuhlangula nanjengoko kukho abantu abakhukuliswe zizikhukula nabangekafunyanwa.
Iinzame zokukhangela nokuhlangula ziqiniswe bubukho bomkhosi woMzantsi Afrika (SANDF) kwakunye negqiza elithunyelwe ngurhulumente wephondo laseMntla Ntshona ukuba lincedise kulo msebenzi othathe ngapha kweeveki ezimbini.
Urhulumente waseMpuma Koloni uqinisekise ukuba imizimba engama94 sele ifanisiwe kwaye yanikezelwa kwiintsapho ezichaphazelekayo, nanjengoko iinkqubo zokufanisa zisaqhuba imizimba emithandathu ikumzi wogcino mzimba karhulumente – la manani bekuphambi kokuba kufunyanwe eminye imizimba.
Isithethi sikarhulumente wephondo, uKhuselwa Rantjie, uthi bangama67 ababhubhele kwingingqi yaseO.R Tambo, abalishumi babhubhele eAmathole, abahlanu eAlfred Nzo naseChris Hani kwaye ababini eJoe Gqabi naseSarah Baartman.
"Kwikhulu labantu abathe babhubha, abangama63 ngabantu abadala, ze abangama37 ibengabantwana, kuquka abafundi abangama22," uqinisekise watsho uRantjie.
URantjie uvakalise ukuba urhulumente udlulisa uvelwano olunzulu kwiintsapho ezilahlekelwe zizihlobo zazo. "Siliphondo asizange siyibone intlekele efana nale kwaye iphazamise kakhulu iintsapho noluntu lwaseMpuma Koloni ngokubanzi.
"Bonke abo bachaphazelekayo basaqhubeka ukufumana ulwaluleko ngokwasengqondweni, kuquka nabantwana bezikolo," utshilo uRantjie.
URantjie uthe urhulumente ubamba ngazibini kumaqela athabatha inxaxheba ukukhangela imizimba ukusesela oko kwaqala esi siganeko kweli phondo.
Kutshanje, urhulumente wephondo uthe babonelele ezi ntsapho zichaphazelekayo ngeenkonzo zokungcwaba, iinkonzo ezifana nokugcina imizimba, nokubonelela ngeemoto ukuthutha imizimba ukuya kwiindawo zokungcwaba.
AbakwaSASSA nabo beze ngaphambili kwaye babonelela ngenkxaso yemali kumalungiselelo okungcwaba. Inkampani yakwaInterlink Express inikele ngeegrosari, ngelixa iSebe lezeMfundo libonelela ngenkxaso yemali eyiR5000 ngomfundi ngamnye oswelekileyo. ISebe lezeKhaya likwancedisa abantu abathe baphulukana nezatifiketi zabo zokuzalwa kwanezazisi zabo ngenxa yezikhukhula ukuze benze la maxwebhu abalulekileyo.