Iindaba

Amaxhoba ezikhukula ancedwa ngeziqinisekiso zokuzalwa nezazisi

Cwayita Nondula|Published

Bangaphaya kwamakhulu amathathu (311) abantu baseMthatha nabangaphaya kwekhulu (145) eGcuwa abathe bachaphazeleka zizikhukula nabancediswa liSebe lezeKhaya ukuba benze ngokutsha iziqinisekiso zokuzalwa kwanezazisi ezithe zalahleka ngenxa yezikhukula ezihlasele imimandla eyahlukeneyo yeli phondo.

ISebe lezeKhaya lisasaze iiofisi ezihamba ngamavili (mobile offices) ezintandathu, ezintathu kwindawo nganye (eMthatha naseGcuwa) kwaye ezi ofisi kuthiwa zinceda abantu nanjengoko besakha ubomi babo ngokutsha.

Kuhlaziyo olubonelelwe ngurhulumente wephondo malunga neenzame zolawulo lwentlekele, uququzelela ubonelelo lwenkxaso yokungcwaba amaxhoba entlekele. Oku kuquka ukugcinwa kwemizimba, iinkonzo zokungcwaba kunye nokuthuthwa kwemizimba isiwe kwindawo ekhethwe lusapho ukuze ingcwatywe.

"Ubonelelo ngale nkxaso lwenzekile ngenkxaso evela kuAVBOB kwaye urhulumente ukwathethathethana nabanye abangcwabi ngenjongo yokugaya inkxaso ngokuhambelana neemfuno zosapho ngalunye," sitshilo isithethi sikarhulumente wephondo uKhuselwa Rantjie kwingxelo.

URantjie ukwathe urhulumente unike inkxaso kubantu abaswelekileyo abangama26 abangcwatywe ngoLwesine weveki ephelileyo ukuya kule mpelaveki iphelileyo.

IArhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika (SASSA) yandise inkqubo yayo yokuNceda iNtlalo kwiMbandezelo (SRD) kwaye oku kuquka ubonelelo lwenkxaso yemali ukuxhasa iimfuno ezibhekiselele kumalungiselelo omngcwabo. Iintsapho ezichaphazelekayo zifumene igrosari enikelwe yiInterlink Express. ISebe lezeMfundo libonelele ngenkxaso yemali eyiR5000 ngomfundi ngamnye oswelekileyo kwaye ooMasipala beengingqi ezahlukeneyo kuthiwa bayancedisa ekulungiseni amangcwaba apho kuyimfuneko.

Umkhosi woMzantsi Afrika nawo uzibandakanye kwiinzame zokukhangela nokuhlangula, igqiza ebelimiselwe ngurhulumente wephondo laseMntla Ntshona nalo liza kuzimanya lincedise, ligcwalise inani lamaqela ahlangulayo libe ngamane.

"Urhulumente wephondo uyamkele inkxaso yamaziko karhulumente kunye nemibutho engekho phantsi korhulumente egameni labantu bephondo leMpuma Koloni ethe yayinxalenye yemizamo yokuhlangula abantu, kuquka nokubonelela abantu ngezinto ezibalulekileyo.

"Ibambela leNkulumbuso yaseMpuma Koloni uMlungisi Mvoko naye uyamkele indima edlalwe ngabahlali ngokuqhubeka nokusebenzisana nabasemagunyeni nokubonelela ngoncedo oluyimfuneko ngeli xesha linzima. Urhulumente wephondo uzibophelele ekukhawuleziseni iinzame zokuqinisekisa ukuba uluntu oluchaphazelekayo luyaxhaswa ukuze bakhe ubomi balo ngokutsha," utshilo uRantjie.

Inani labantu ababhubhileyo liyanda njengoko iinzame zokukhangela kunye nokuhlangula ziqhubeka, inani ngoku lingaphezu kwama95.