Iindaba

UMasemola utyelele eWSU emva kwesinye isiganeko sokubulala

Cwayita Nondula|Published

UMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke uFannie Masemola ngethuba ethetha noonondaba eMthatha.

Image: Umfanekiso uthathwe kwividiyo

UMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke uFannie Masemola utyelele iYunivesithi iWalter Sisulu (WSU) emva kokuba igosa eliphezulu lale yunivesithi lidutyulwe labhubha ngorhatya lwangoLwesine (19 kweyeSilimela 2025) eMthatha.

USinethemba Mpambane, 44, nobenguSekela Ngqonyela weNkxaso noPhuhliso lweZiko (DV: ISD), ufunyenwe emotweni enamanxeba amaninzi okudutyulwa ngaphandle nje kwekhampasi yale yunivesithi.

UMasemola, nofike eMthatha ngale njikalanga, ukuqinisekise ngethuba ethetha noonondaba ukuba uMpambane ubhaqwe nemali emalunga neR27 000 kwaye ilaptop nefowuni yakhe ibisesemotweni azithathwanga ngabenzi bobubi.

"Siye saseka igqiza lophando eliquka amaqela ahlukeneyo aza kujonga ukuba yintoni unobangela wokudutyulwa [kukaMpambane], okwangoku asisazi isizathu.

"Akhange bathathe nto, ilaptop yakhe, imali ifunyenwe emotweni kunye nefowuni yakhe, ngokuqinisekileyo injongo ayinakuba kukuphanga, yenye into," utshilo uMasemola.

Esi sehlo senzeke kanye kwindawo ahlala kuyo iKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo, uMasemola uthi ibambela loMkomishinala weSithili liyalelwe ukuba lithethathethane neKumkani.

Le yunivesithi ibisematheni ngeziganeko ezinxulumene nobundlobongela, kutshanje umfundi ogama linguSisonke Mbolekwa udutyulwe wabulawa ngumsebenzi wale yunivesithi ngethuba ethatha inxaxheba kuqhankqalazo lwabafundi kuTshazimpuzi. UMasemola uthe bafuna ukuqinisekisa ukuba kukho uzinzo kule yunivesithi.

"Abantwana abalapha balapha ukuze baqhubele phambili nemfundo yabo, abekho apha ukuze babandakanyeke kudubulo kuba abazali baza kuba nexhala njengoko iqhubeka le nto," utshilo.

Uphando luyaqhuba.

Abantu abanokuba nolwazi olunokunceda kweli tyala bayacelwa ukuba batsalele umnxeba iCrime Stop kule nombolo 08600 10111 okanye basebenzise iMySAPS App.