Iindaba

Kubanjwe esinye isine kwityala lokutshiswa kwabasetyhini ababini

Cwayita Nondula|Published

Kubanjwe abanye abarhanelwa abane abangamadoda kwityala elibandakanya abasetyhini ababini abafunyenwe betshisiwe belahlwe ehlathini eKhayelitsha, kwaNobuhle, oku kwenza inani labarhanelwa kweli tyala lifikelele kwisibhozo.

Ngaphambili, I’solezwe lesiXhosa libike ukuba abarhanelwa abane babanjwe ngoLwesine, we19 kweyeSilimela 2025, nabaphathi kweminyaka eli16 nama23.

Isithethi samapolisa uBrigadier Nobuntu Gantana uqinisekise ukuba abarhanelwa abasibhozo abaneminyaka ephakathi kwe16 ne27 ubudala, babanjiwe kulo mhla ukhankanywe ngasentla kwaNobuhle malunga nokubulawa kwabasetyhini ababini njengoko bekuchaziwe ngomhla we18 kweyeSilimela 2025.

Ingxelo ithi emva kokuba kubanjwe abarhanelwa bokuqala abane, abanye abane bavalelwa emva kwenkqubo yokuncinwa.

Uphando luyaqhuba kwaye abarhanelwa baza kuvela phambi kwenkundla kamantyi wakwaNobuhle ngoMvulo umhla wama23 kweyeSilimela 2025.