UMphathiswa weMfundo ePhakamileyo uGqirha Nobuhle Nkabane umemelela amanyathelo akhawulezileyo emva kwesinye isiganeko sobundlobongela eWSU.
Image: GCIS
Emva kokudutyulwa nokubulawa kwegosa eliphezulu uSinethemba Mpambane obesebenza kwiYunivesithi iWalter Sisulu (WSU), uMphathiswa weMfundo ePhakamileyo, uGqirha Nobuhle Nkabane, umemelele ukuba kubuyiswe uxolo, ukhuseleko nesidima kumaziko eli loMzantsi Afrika.
UMpambane ufunyenwe ebhubhile kwimoto emileyo ngorhatya lwangoLwesine kwisango laseNkululekweni eMthatha, edutyulwe izihlandlo ezininzi. UMpambane, nobenguSekela Ngqonyela weNkxaso noPhuhliso lweZiko, ukubhubha kwakhe kuza kwiiveki emva kokuba omnye umfundi wakule yunivesithi uSisonke Mbolekwa edutyulwe wabhubha ngumsebenzi wale yunivesithi ngethuba kuqhanqalaza abafundi.
UNkabane uthe ukhathazeke kakhulu kukuba kuphinde kwalahleka obunye ubomi phantsi kweemeko zobundlobongela eyunivesithi. "Ukhuseleko nentlalontle yabafundi nabasebenzi kufuneka ibekwe phambili ngamaxesha onke.
"Uluntu lwezemfundo alukwazi ukubalasela kwindawo enoloyiko nobundlobongela. Amaziko emfundo ephakamileyo kufuneka abe ziindawo zokufundisa, zokufunda nezeenguqu," utshilo uNkabane.
UNkabane ukwaqinisekise ukuba uza kudibanisa iintloko ngokukhawuleza neNgqonyela yaseWSU, uNjingalwazi Rushiella Songca, kunye noSihlalo weBhunga wale yunivesithi, uAdvocate Tembeka Ngcukaitobi, ukuze bahlole imigaqo yokhuseleko esele ikho kwaye bachonge amanyathelo akhawulezileyo okuqinisekisa ukhuseleko ekhampasini.
UMphathiswa ukwathumele amazwi ovelwano kusapho lakwaMpambane nakubantu baseWSU.
UMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke uGeneral Fannie Masemola ugaleleke eMthatha ngale njikalanga kulandela isiganeko sokubulawa kukaMpambane.