Iindaba

Gqirha Mgcini Tshwaku: ‘Wayeyingxaki kwiEFF uFloyd’

Siyabulela Mqikela|Published

UGqirha Mgcini Tshwaku utyhole uFloyd Shivambu ngokuba yingxaki emva kwendibano yakhe noonondaba nalapho ethe waphawula kakubi ngeEFF.

Image: Dumisani Sibeko/ Independent Newspapers

UGqirha Mgcini Tshwaku olilungu eliphezulu kumbutho weEFF uthi zibubuxoki iingxelo ezenziwe nguFloyd Shivambu malunga nezinto eziqhubeka kulo mbutho weEFF emva kokuba eshiyile.

"Umbutho weEFF ngumbutho olawula ngentando yesininzi, sonwabile, siyasebenza, wayeyingxaki uFloyd kwiEFF, azikho ezi zinto azithethayo," kutsho uTshwaku. 

Oku kusemva kokuba uShivambu ebize inkomfa noonondaba eMidrand, eRhawutini izolo ebhentsisa izinto ngamava wakhe kwezopolitiko emva kokuthotywa yiMK Party.

"Ubeyingxaki yena ngenene, ebengumntu owahlukanisa abantu, abaninzi bethu bangamaxhoba ezenzo zakhe, ukuba uyafuna sithethe siza kuthetha, kwiEFF izinto zonke ziyaxoxwa, kanye yena ebehlala eyinxalenye yezo ngxoxo," ucacise watsho uTshwaku. 

UTshwaku uhambisa athi uShivambu ligwala eliyeke ukuphakamisa imicimbi yalo mbutho ngaphakathi ngethuba ebephaya. "Ebelivila yena, uxoka uthi ebesihla enyuka eMzantsi Afrika, sithi abamenzele umsebenzi, okwakhe ebefika afune ingxelo kuphela esoyikisa abantu," kutsho uTshwaku.

UShivambu ungundabamlonyeni kweli emva kokuba ethe wasuswa kwisikhundla sokuba nguNobhala Jikelele wombutho weMK Party. UShivambu utyhole imibutho ethile eyityhola ngokuba ayinazo iimpawu zemibutho yezopolitiko koko ikhokelwa ngobuvuvu. "Umbutho weANC ngumbutho ongenamkhondo nasakhono, iEFF yona lunqulo nje olusekelezelwe kwindoda enye," utyhole watsho uShivambu.

Lo kaShivambu uxelele amajelo eendaba ukuba uza kujikeleza yena noogxa bakhe angabaxelanga ukuba ngoobani bekhangela izimvo zoluntu malunga nokusekwa kombutho omtsha.

"Sinabantu abangamalungu weANC, EFF, MK Party neminye imibutho abafuna ukubona lo mbono wokusekwa kombutho omtsha uqhubeka," kutsho uShivambu.

UGqirha Tshwaku usebenze kuMasipala weSithili saseRhawutini nezinye izikhundla eziphezulu kooMasipala, ingakumbi eRhawutini.