Igosa eliphezulu leYunivesithi iWalter Sisulu, uSinethemba Mpambane, nodutyulwe wabhubha eMthatha.
Image: WSU
Ayaphokoka amazwi ovelwano emva kokuba igosa eliphezulu leYunivesithi iWalter Sisulu (WSU), uMnu. Sinethemba Mpambane, lidutyulwe labhubha lafunyanwa kwimoto ngorhatya lwangoLwesine.
IYunivesithi iWalter Sisulu (WSU) iqinisekise iindaba zokubhubha kwegosa labo eliphezulu, uMnu. Sinethemba Mpambane nonguSekela Ngqonyela wabo weNkxaso noPhuhliso lweZiko (DV: ISD).
Esi sehlo senzeke kufutshane nesango lokungena eNkululekweni elijongene nohola wendlela uN2 kwikhampasi yaseWSU eMthatha njengoko kuqinisekiswe ngamapolisa aseMpuma Koloni naphanda ngokubulawa kukaMpambane.
Kwingxelo, ethetha egameni leyunivesithi, uSekela Mlawuli weNtengiso noNxibelelwano, uMathabo Hendricks, uthe iWSU iphazamisekile kakhulu ngesi sihelegu kwaye idlulisa amazwi ovelwano kusapho lakwaMpambane, izihlobo noogxa bakhe.
"IWSU isigxeka kabukhali esi senzo simanyumnyezi kwaye ifuna ukuba abenzi bobubi bajongane nengalo yomthetho," utshilo uHendricks.
INgqonyela kunye neNqununu yale yunivesithi, uNjingalwazi Rushiella Nolundi Songca uthe: "UMnu. Mpambane wayeyinkokeli ebalaseleyo, esebenza nzima kwiyunivesiti yethu. Ukubhubha kwakhe ngequbuliso kushiya isikhewu esiya kuthi sivakale ngokunzulu. Sime ngokumanyeneyo kulo mzuzu njengoko sizilile."
Le yunivesithi ibisematheni kulo nyaka, ngenyanga kaTshazimpuzi umfundi, uSisonke Mbolekwa wadutyulwa wabulawa nguManejala weendawo ezihlala abafundi, uManelisi Mampana, ngethuba kuqhankqalazwa kwikhampasi yaseMthatha. Iphinde yasematheni emva kokuba abafundi beqhankqalazela ukukhululwa kukaMampana ngebheyile nto leyo ekhokelele ekubanjweni kwabafundi abahlanu ze bakhululwa kamva ngebheyile.
UMkomishinala wamaPolisa obambeleyo eMpuma Koloni, uMajor General Thandiswa Kupiso, uthe amapolisa aza kusebenza nzima ukusombulula eli tyala. UKupiso ukwathe iintelekelelo zoluntu kufuneka ziphetshwe ukugcina imfezeko yophando.