UMasipala waseKSD kunye neSebe lokuHlaliswa koLuntu bayasebenzisana ukuqinisekisa ukuba abantu abangenazindlu ngenxa yezikhukhula babonelelwa ngezindlu zethutyana.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa
UMasipala waseKing Sabata Dalindyebo (KSD) uza kusebenzisana neSebe lokuHlaliswa koLuntu ekuboneleleni ngezindlu kwabo badilikelwe zizindlu zabo zizikhukula nabahlala kumaholo oluntu nasezikolweni sithetha nje.
Ngamawakawaka abantu abashiyeke bengenamakhaya emva kokudilika kwamakhaya abo ngenxa yezikhukula ezenzeke eMpuma Koloni, uMthatha neGcuwa izezona ndawo zichaphazeleke kakhulu kweli phondo.
Isithethi sikaSodolophu, uOlwethu Mabovula, uthe uMasipala ngentsebenziswano neSebe lokuHlaliswa koLuntu, bazimisele ekuqinisekiseni ukuba bonke abantu abachaphazelekileyo bafuduselwa kwizindlu zethutyana ngeentsuku ezingamashumi amathathu (30).
"Ukukhawulezisa le nkqubo, uMasipala ukwiphulo lokuchonga umhlaba ofanelekileyo wokwakhiwa kwamakhaya amatsha. Eli phulo lijolise ekuboneleleni ngeemeko zokuhlala ezikhuselekileyo nezifanelekileyo kwabo bachatshazelwe yintlekele," utshilo uMabovula.
USodolophu woMasipala waseKSD, uNyaniso Nelani, uthe bayabuqonda ubunzima abahlali abajongene nabo ngenxa yezikhukhula zakutshanje. "Eyona nto iphambili kuthi kukubonelela amaxhoba ezikhukula ngezindlu ezisisigxina. Sikwazimisele ukubuyisela isidima sabahlali bethu kwaye siqinisekise ukuba banendawo ekhuselekileyo abangayibiza ngokuba likhaya."
UMphathiswa wokuHlaliswa koLuntu kuzwelonke, uThembi Simelane, ukhokele igqiza lamagosa karhulumente eGcuwa ngoLwesithathu betyelela iindawo ezithwaxwe zizikhukula kule ndawo. USimelane ubethelela ukuzinikela kukarhulumente ekubeni ooMasipala baza kuchonga umhlaba ozimele geqe ukuze kuhlaliswe amaxhoba ezikhukula angenamakhaya ngenxa yezi zikhukula.
Uthe iSebe lakhe liza kubonelela amanye amaxhoba ngezinto zokwakha izindlu zawo, ingakumbi lawo ahlala ezilalini.
Kuthiwa eli Sebe liza kuqalisa ngoko nangoko ukunikezela ngezindlu zethutyana kubo bonke abachaphazelekayo.