Iindaba

Iinkokeli zemveli neecawe kufuneka zincedise urhulumente kule ntlekele, kutsho uMvoko

Cwayita Nondula|Published

Umsitho womhla wephondo wokuzila ububanjelwe eMthatha wokukhumbula abo bathe babhubha ngenxa yezikhukula ephondweni.

Image: Office of the EC Premier

Namhlanje urhulumente wephondo leMpuma Koloni ubambe usuku lwephondo lokuzila abantu ababhubhe ngenxa yezandyondyo zemvula kweli phondo, kwaye urhulumente umemelele iinkosi zemveli kwakunye neecawe ukuba zincedise urhulumente.

Lo msitho ububanjelwe kwikholeji iKing Sabatha Dalindyebo TVET eCicirha, eMthatha, nalapho amacandelo ohlukeneyo karhulumente ebekhona, kukho iinkokeli zemveli, iinkokeli zeenkonzo, imibutho engekho phantsi korhulumente ethe yancedisa kule ntlekele, bekunye noluntu lwaseMthatha oluphume ngobuninzi.

INkulumbuso yephondo leMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, khange abekho ngenxa yokungazivi kakuhle ngokwempilo, kodwa uMphathiswa uMlungisi Mvoko ebeme njengeBambela leNkulumbuso.

UMphathiswa uMlungisi Mvoko ochongwe njengeBambela leNkulumbuso yaseMpuma Koloni ngethuba ebethetha kulo msitho.

Image: Office of the EC Premier

UMvoko uthe umyalezo wabo kwiintsapho ezichaphazelekayo ngowokuba abazu kubalahla kwaye baza kuqhuba bebancedisa.

"Umyalezo wethu wanamhlanje kwezi ntsapho kukubaxelela into yokuba njengoko besikunye nabo ukuqala kwale ntlekele, siza kuba nabo ukubheka phambili. Sicela intsebenziswano kwezi ntsapho, ngoba ngeli xesha xa kunzima ngolu hlobo, abanye abantu balahla ithemba kungabikho nto bayithembayo.

"Nokuba ngurhulumente, iinkonzo, noba ngubani – kodwa sicela intsebenziswano ukuze sonke sijongane nale ntlekele. Okwesibini, umyalezo wethu kukuthetha nooMasipala neeNkosi ukuba le ntlekele kufuneka sonke simbabane ngezandla bangayiyekeli kurhulumente kuphela, mabasondele sibancedise abantu," utshilo uMvoko ethetha ecaleni noonondaba.

UMvoko ukwavakalise ifuthe elikhulu lale ntlekele ebantwini, esithi abanye bonakele kakhulu emiphefumlweni kwaye badinga abantu ngaphandleni koonontlalontle, badinga abantu abaza kubaphilisa ngaphakathi emphefumlweni njengeenkonzo. 

Uthe baququzela oorhulumente basekuhlaleni, iinkokeli zemveli kunye neecawe ukunceda iintsapho ezichatshazelwe zizikhukula.

Ubethelele ukuzimisela kukarhulumente ukuba kunye namaxhoba de ubomi bawo buphucuke. "Sikwabongoza amagosa karhulumente ukuba aqinisekise ukuba nantoni na elungiselelwe bonke abantu abehlelwe yile ntlekele bayayifumana kwaye ayiyi kwenye indawo."

Le ntlekele ichaphazele ngokumandla uMasipala weSithili iO.R Tambo kunye noMasipala weSithili iAmathole kwaye bangaphaya kwamashumi alithoba (92) abantu ababhubhileyo.

Kutshanje, uMasipala weSithili iO.R Tambo ubhengeze ukuba uza kusebenzisana neSebe lokuHlaliswa koLuntu ukuqinisekisa ukuba abo bachaphazelekayo bafumana izindlu zethutyana. Esi sibhengezo siza nanjengoko uMphathiswa wezokuHlaliswa koLuntu kuzwelonke uThembi Simelane ekweli phondo ukuza kubona umonakalo oshiywe zizikhukula – naye ebekhona kulo msitho eMthatha.