Iindaba

Lifikile iqela lesine lamajoni weli abuya eDRC

Siyabulela Mqikela|Published

Zintlanu ezinye iinqwelomoya ezithwele amajoni oMzantsi Afrika ekulindeleke ukuba zifike kwezi ntsuku zizayo.

Image: GCIS

Ligaleleke ngorhatya lwemivundla izolo kweli iqela lesine lamajoni oMzantsi Afrika abuya kwilizwe laseDRC nalapho bebeyinxalenye yemikhosi ebambe ucwangco kwela lizwe. Ingxelo ekhutshwe liSebe loMkhosi kweli ithi ngamaqela alithoba wamajoni weli ekulindeleke ukuba abuyele ekhaya eMzantsi Afrika, kwaye amanye amaqela sele efikile ekhaya. 

Evakalisa uvuyo lwakhe ngokubuya kwala majoni uMphathiswa woMkhosi kweli, uAngie Motshekga wathi ebenqwenela ukwenza ngcono kunoku.

"Ukuba bekunokwenzeka ngokuba sinqwena akwaba besinokuwakhwelisa ngaxeshanye onke la majoni, kodwa ke akukho ngxaki, sivuyiswa kukuba befike ekhaya," utshilo uMotshekga. 

Ukubuya kwala majoni kuza emva kokuba umcimbi ubeshushu phakathi kwamabutho abambe ucwangco kwakunye neqela loophuma silwe beM23 eGoma, eDRC. Inqwelomoya yomkhosi ebithwele la majoni igaleleke kwisikhululo seenqwelomoya iBram Fischer eBloemfontein kwiphondo laseFreyistata.

"Ndiye ndachukumiseka kakhulu xa ndibukele elinye lamajoni liguqa phantsi lincamisa umhlaba ngethuba begaleleka ngenqwelomoya yokuqala, oku kubonisa ukuba ngamathandazwe ngenene la," kutsho uMotshekga.

Kuthwa iqela lesihlanu kulindeleke ukuba ligalele kweli ngoLwesine umhla weshumi elinethoba. UNjengele Godfrey Thulare uqinisekise ukuba ngenene iyeza inqwelomoya yesihlanu ngomso kweli loMzantsi Afrika.

"Inqwelomoya yesihlanu ethwele amajoni iza kugaleleka ngomhla weshumi elinethoba, ukuze eyokugqibela inqwelomoya igaleleke ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kwiveki ezayo," ucacise watsho uThulare.

Xa zizonke zilithoba iinqwelomoya ezithwele la majoni ukuwabuyisela ekhaya, kuthwa kulindeleke ukuba badibane kwinkampi yaseTempe eBloemfontein ukuze bachithe iintsuku ezintathu ze kamva bathunyelwe ezinkampini zabo.