Uza kuvela enkundleni owasetyhini obulele isinqandamathe sakhe esilipolisa.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
I-SAPS iyakungqina ukubanjwa kwenkosikazi eneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe (37), ngokubulala ipolisa (50), ebelingekho msebenzini, kwisehlo esenzeke malunga nentsimbi yethoba ngokuhlwa, ngomhla weshumi elinesihlanu kweyeSilimela, eSlastsha, eKhwenxurha.
Ngokwengxelo yesithethi samapolisa uBrigadier Nobuntu Gantana, ixhoba nesinqandamathe salo, nesingumrhanelwa kweli tyala, bebesela kowabo ngethuba kuvuka ingxabano. Ingxabano iqale emva kokuba umfi ethe wazisa ngezicwangciso zakhe zokuya kwenye indawo kule lali, nalapho umrhanelwa athe waphikisana noku, emtyhola ngokundwendwela enye intombi.
Ingxelo iqhuba ithi, emva kokuthukwa, umrhanelwa uthe wabetha ixhoba ngokuphindaphindiweyo entloko ngenduku, de langabikho zingqondweni. Umhranelwa uye wazinikezela emapoliseni ngentsasa yangoMvulo (16 kweyeSilimela 2025), nalapho enike ingxelo yokuba yena nexhoba bathe balwa ngenjikalanga yangeCawa, ze wafumana ixhoba ekuseni lingasashukumi.
Amapolisa afumene ixhoba lilele ngomqolo linamanxeba amabini entloko, ngaphambili nangasemva, kwaye ingalo yasekunene inemigruzuko.
Umrhanewla ubekwe ityala lokubulala kunye nelophazamisana nobungqina. Isixhobo sokubulala nesiyinduku, siye safunyanwa kwaye siza kusetyenziswa ukwenza uphando kweli tyala.
Obambeleyo uMkomishinala wePhondo uNjengele uThandiswa Kupiso usikhalimele esi sehlo esithi: "Ukubhubha kwepolisa ngendlela enobundlobongela, ekutyholwa ukuba libulewe ngumntu osondeleyo kulo, yintlekele enkulu. Sincoma umsebenzi weqela lethu lamapolisa elithe lakhawuleza laqokelela ubungqina obuthe baphanyiswa. I-SAPS iyakubethelela kwakhona ukuma kwayo kwimiba echasene nobundlobongela obusekelwe kwisini kunye neengxabano zasekhaya ezijika zibe yintlekele."
Umrhanelwa uza kuvela phambi kwenkundla kamantyi wengingqi ngexesha elifanelekileyo.