Iindaba

Abantwana abalishumi abebethutyeleziswa bafunyanwe eMatatiele

Cwayita Nondula|Published

Amadoda amabini abanjelwe ukuthubelizisa abantu nokungena kwelinye ilizwe ngokungekho mthethweni.

Image: UNSPLASH FREE DOWNLOADS

Amapolisa aseMatatiele abambe abarhanelwa ababini abangamadoda aneminyaka engama40 nama20 ubudala ngoMgqibelo, umhla we14 kweyeSilimela 2025, emva kokufunyanwa bethutha abantwana abalishumi abasuka eLesotho. Aba barhanelwa bajongene nezityholo zokuthubelezisa abantu nokungena kwelinye ilizwe ngokungekho mthethweni.

Ukubanjwa kwala madoda kulandela impendulo ekhawulezileyo kwisilumkiso malunga nendoda endala enabantwana abalishumi kufutshane nesikhululo samafutha kumbindi waseMatatiele.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa, uBrigadier Nobuntu Gantana, umrhanelwa, 40, nongummi waseLesotho ongenamaxwebhu asemthethweni, wabanga ngelithi wayebathutha aba bantwana ebasa koomama babo ePietermaritzburg.

"Ukanti aba bantwana bayiphikisa le nto besithi abayazi le ndoda nanjengoko wabathatha eQacha’s Nek, eLesotho, esenza ngathi ubasa koonina. Baye baqinisekisa ukungena ngokungekho mthethweni eMzantsi Afrika ngendlela enqumlayo ekufutshane nePaqama," utshilo uGantana.

Amatyala okuthubelezisa abantu kunye nokungena kwelinye ilizwe ngokungekho mthethweni avulwa ngamapolisa. Bobabini abarhanelwa kuthiwa baseluvalelweni kwaye baza kuvela phambi kwenkundla kamantyi eMatatiele kungekudala.

UMkomishinala obambeleyo wePhondo, uMajor General Thandiswa Kupiso, uncome amalungu oluntu alumkileyo namapolisa ngesenzo sabo esikhawulezileyo.

"Olu ngenelelo lusindise aba bantwana kubungozi obungakumbi. Sibongoza uluntu ukuba luchaze izenzo ezirhanelekayo ezinxulumene nokuthubelezisa kwabantu okanye ukuba selizweni ngokungekho mthethweni kwisikhululo samapolisa esikufuphi kubo okanye bangaxela bafihle amagama abo ngokutsalele iCrime Stop ku08600 10111."

Ingxelo iqinisekise ukuba aba bantwana balishumi babekwe kwindawo ekhuselekileyo liSebe loPhuhliso loLuntu kwaye bafumana ukhathalelo. Uphando lusaqhuba malunga neli tyala.