Iindaba

ULwesine ubekwe njengosuku lokuzilela ababhubhe ngenxa yezikhukula ephondweni

Cwayita Nondula|Published

Izikhukhula zakutshanje eMpuma Koloni zibulale abantu abangaphaya kwamashumi asibhozo zashiya amakhulu abantu bengenamakhaya.

Image: X

Urhulumente waseMpuma Koloni ubhengeze uLwesine, umhla we19 kweyeSilimela 2025, njengosuku lwephondo lokuzilela abo bathe basutywa kukufa ngenxa yezikhukhula ezihlasele eli phondo. Inani labantu ababhubhileyo linyuke ngaphaya kwamashumi asibhozo (80), kwaye kulindeleke ukuba lonyuke njengoko kusaqhutywa amaphulo okukhangela abantu abangekafumaneki.

Ethetha ngakumbi ngeli phulo, isithethi sikarhulumente wephondo leMpuma Koloni, uKhuselwa Rantjie, uthe: "Olu lusuku esiza kulusebenzisa singurhulumente ukukhumbula bonke abangasekhoyo ngenxa yesi sehlo. Inani lamashumi asibhozo anesibhozo (88) linani lomntu wonke [obhubhileyo] kweli phondo.

"Lo mmandla waseMthatha uchaphazeleke kakhulu kwaye ngenxa yoku sigqibe kwelokuba usuku lokuzila lephondo luza kubanjelwa kwilali yaseDecoligny, eMthatha, ukuze sibe kufutshane noluntu sikwazi nokuzisa intuthuzelo kuluntu oluthe lwachaphazeleka kakhulu," utshilo uRantjie.

URantjie uqhube wathi ziyaqhubeka izicwangciso zokulungiselela olu suku nanjengoko urhulumente eza kuncediswa ngamaqela achaphazelekayo aquka iBhunga leeNkonzo zoMzantsi Afrika (SACC) eliza kuncedisa ekulungiseleleni ukuphumeza le nkqubo.

Inani labantu ababhubhileyo ngoku lihleli kumashumi asibhozo anesibhozo (88) kwaye eli nani alizinzanga njengoko kulindeleke ukuba lonyuke.