Iindaba

UDonald Trump ulumkisa ilizwe laseIran

Siyabulela Mqikela|Published

UMongameli uDonald Trump ulumkise i-Iran esemfazweni noSirayeli.

Image: SAUL LOEB/AFP via Getty Images

Kwimfazwe eqhubeka phakathi kwelizwe laseIran nelizwe lakwaSirayeli, uMongameli waseMelika uDonald Trump ukhuphe ilizwi lesilumkiso ngakwiIran. 

Ilizwe laseIran kutshanje liqalise ukuziphindezela kwilizwe lakwaSirayeli emva kokuba iintolo mlilo ezisuka kwaSirayeli zihlasele ela lizwe. 

IMelika yaziwa ngokuba ihambisana ncakasana noSirayeli kule mfazwe nakwezinye.

"Kumele ukuba ilizwe laseIran likhawulezise ukuqinisekisa ukuba uthethwano luyaqhubeka malunga nomlo ophakathi kwabo nelizwe lakwaSirayeli," ubongoze watsho uTrump. 

UTrump uthi ngaphambi kokuba liphelelwe lixesha, ilizwe laseIran malikhawulezise ukuxhasa iinzame zokuthethana phakathi kwala mazwe mabini.

"Kunyanzelekile ukuba kufikelelwe kwisivumelwano, kwaye i-Iran inoxanduva lokunqanda le mfazwe, ngaphandle koko i-Iran iyabethwa ngokubethwa kule mfazwe, ngoko ke banyanzelekile ixesha lisekhona," kutsho uTrump.

Amazwe ombindi mpuma aquka iPakistan sele eqalisile ukubonisa umdla wawo ukuncedisa i-Iran kule mfazwe. Iingcali zopolitiko kwihlabathi zithi le mfazwe ingahle ikhokelele kwimfazwe yesithathu yehlabathi ngenxa yokuba maninzi amazwe ehlabathi ahlukene kubini ngenxa yemeko yakwaSirayeli.

UTrump uthethe konke oku ngaphambi kokuba aqale intlanganiso yakhe kwakunye neNkulumbuso yaseCanada uMark Carney.