AbakwaVWSA baxelele iNational Consumer Commission ngesixhobo esingasebenzi kakuhle kwiimoto zabo ezimbalwa zohlobo lweVolkswagen Polo (142) neTaigo (8).
Image: Volkswagen
IKhomishini kaZwelonke yabaThengi iqinisekise ukuba inkampani evelisa iimoto iVolkswagen Group South Africa (VWSA) ibhengeze ukubuyiselwa kweemoto ezili142 zohlobo lweVolkswagen Polo nezisibhozo zeVolkswagen Taigo ngenxa yesixhobo esingasebenzi kakuhle kwezi moto.
IKomishoni, nethe yaziswa yile nkampani evelisa iimoto, ithe ukubuyiswa kwakhona kwezi moto kungenxa yesixhobo esivelisa irhasi okanye umoya esingasebenzi kakuhle kwinkqubo yeairbag kwicala lomkhweli ohlala phambili emotweni.
Ichaza imingcipheko yesi sixhobo singasebenziyo kakuhle, iKomishoni ithe kwingxelo: "Ukuba kukho ingozi iphume iairbag yangaphambili, kunokubakho isiphumo esincitshisiweyo sokukhuselwa yiairbag kwicala lomkhweli ngaphambili kunye nomngcipheko omkhulu wokwenzakala kumkhweli.
"Ngaphaya koko, into ehlala okanye ebamba isixhobo sokuvelisa irhasi sinokugqabhuka, okanye izinto eziyinxalenye yento ehlala esi sixhobo sivelisa irhasi zinokukhululeka kwaye kubangele ukonzakala okumaxongo okanye olukhokelela ekubhubheni kwabantu abasemotweni."
NgokweVWSA, iimoto zePolo ezili141 zithengiswe kuzwelonke ukusuka ngomhla wama20 kweyoMnga ka2022, ngelixa iPolo enye kunye neeTaigo ezisibhozo zithengiswe ukusuka ngomhla wama29 kweyoMdumba ka2024.
Abathengi abachaphazelekayo bayacetyiswa ukuba bathathe la manyathelo alandelayo: