INPA ithi iza kulwela ukuba uPhike afumane isigwebo sobomi entolongweni, emva kokufanyiswa enetyala lokudlwengula amaxhoba asibhozo.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
ULwando Sfiso Phike (32), ufunyaniswe enetyala yiNkundla ephakamileyo yoMzantsi Afrika, kwicandelo laseMpuma Koloni, eMonti, ngoLwesithathu, umhla we11 kule nyanga, ngamatyala aquka asibhozo okudlwengula, amane okuphanga esebenzisa iimeko ezimanyumnyezi, nelinye lokuzama ukudlwengula.
Oku wathi wakwenza phakathi konyaka ka2017 no2022, kwaye amaxhoba akhe aphakathi kweminyaka eli14 ukuya kuma23.
Ngokwengxelo yesithethi seGunyabantu lezoTshuthiso (NPA), eMpuma koloni, uLuxolo Tyali, kusolwa ukuba iphulo likaPhike lezoyikiso lwalujoliswe kumantombazana nabasetyhini ababuthathaka eDuncan Village, eBraelyn, eCambridge, nakufutshane nodederhu lweevenkile iHemingways eMonti.
UTyali, uthi inkqubo yakhe yokwenza ibingatshintshi, nanjengoko ubeye awalandele amaxhoba, awahlasele exhobe ngemela, awase kwindawo efihlakeleyo, awaxhaphaze ngokwesondo, aze awathathele iifowuni okanye imali ngenkani. Uninzi lwamaxhoba lonzakele kakhulu kumalungu angasese. Ukanti ubungqina beDNA kunye neengxelo zonyango loogqirha zingqinelene nengxelo yamaxhoba. Ingxelo iqhuba ithi, uPhike uwavumile amatyala abekwe wona.
Kwingxelo kaPhike ebhalwe phantsi, uvumile ukuba izenzo zakhe zokudlwengula nokuphanga uzenze ngabom. Nakuba ethe wagwetywa ngamanye amatyala okudlwengula ukusukela ngonyaka ka2016 ukuya ku2020, uye waqhuba nokujongana nengalo yomthetho kumatyala ongezelelweyo, kwaye usenetyala ajongene nalo lokudlwengula eGcuwa.
Umtshutshisi kweli tyala, uAdvocate Sakhumzi Mtsila, utyhola uPhike ngokukhetha ngabom amaxhoba akhe esebenzisa izoyikiso zobundlobongela ukuwavala umlomo. Uthi akakhange abonakalise kuzisola nanjengoko ekwazile ukuphindaphinda izenzo zakhe iminyaka eliqela.
Eli tyala limiselwe umhla wama23 ukuya kuma26 kweyoMsintsi ka2025, nalapho okaPhike eza kugwetywa khona. INPA ithi izimisele ukulwela ukuba uPhike afumane isigwebo sobomi entolongolweni.
Ongumlawuli kwezotshutshiso kweli phondo, uBarry Madolo, ukwamkele ukufunyanwa kwakhe enetyala uPhike, watsho encoma amapolisa, neqela labatshutshisi ngokuzinikela kwabo ekuqinisekiseni ukuba amaxhoba afumana ubulungiswa.