Iindaba

UBlack Coffee ucelela abantu baseMthatha uncedo

Siyabulela Mqikela|Published

IBlack Coffee Foundation inike abantu abakwiindawo zokufihla iintloko isuphu nesonka emva kokuba izindlu zabo zitshatyalaliswe zizikhukula eMthatha, eMpuma Koloni.

Image: Black Coffee Foundation

Imvumi uBlack Coffee ucela ebongoza uluntu ukuba lugalele esivivaneni ukuze kuncedwe abantu abangamaxhoba ezandyondyo zemvula ezihlasele ingingqi yaseMthatha neziphaluka ngoMvulo wale veki. 

Ingxelo ithi bangaphezu kwamakhulu amathandathu abantu abathe bachaphazeleka, abanye baphulukane neempilo zabo logama abanye bedilikelwe ngamakhaya abo.

"Sicela uluntu ngokubanzi, oogxa bethu nabahlobo bethu xa bebonke ukuba bangenelele ukunikisa ngoncedo kubahlali baseMthatha," ubongoze watsho uBlack Coffee. 

Ethetha kwikhasi leBlack Coffee Foundation uthi bacela nolunjani uncedo kubantu abanokunceda ukuze kukhawulelwane nabahlali baseMthatha abachatshazelwe yile ntlekele.

"Siqokelela iimpahla zokunxiba, iingubo, izinto zabantwana eziquka amanapukeni, ukutya okungaboliyo nezinye ke izinto ezinokunceda ukuba bazibone nabo bekhathalelwe. Sibambisene singasibuyisa isidima sabantu bethu," ucacise watsho uBlack Coffee.

Ngabantu abangaphezu kwamashumi amahlanu anesixhenxe abaqinisekiswe ukuba babhubhile ngenxa yezandyondyo zemvula ezihlasele eMthatha neziphaluka kwezi ntsuku zigqithileyo.

"Kwikhasi lethu sizibhalile iinombolo zebhanki zeBlack Coffee Foundation apho abantu banokufaka khona uncedo lwabo," kutsho uBlack Coffee.

INkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane utyelele eMthatha engxamile emva kokuba kuvakele iingxelo zokubhubha kwabantu kula ndawo ephelekwa ngamagosa aphezulu kurhulumente waseBhisho.

UEskom eMpuma Koloni ukhuphe iingxelo zokuba unzinzi lweedolophu zeli phondo zichatshazelwe kukuqhawuka kombane ngenxa yezandyondyo zemvula ezihlasele iMpuma Koloni.

AbakwaEskom bacela uluntu ukuba luqaphele luhlale luqinisekisa ukuba umbane uphathwa ngendlela ekhuselekileyo.

Ukunikela ngemali, yithumele ku: Black Coffee Foundation NPC / FNB - 62922110812 / BR CODE: 252145 (Hartfield)