Iindaba

IMIFANEKISO | Abashiyeke bengenamakhaya ngenxa yezikhukula ephondweni bafumana uncedo

Cwayita Nondula|Published

Umonakalo oshiywe zizikhukula kumasipala wesithili iOR Tambo.

Image: OR Tambo District Municipality

Imozulu embi eMpuma Koloni ishiye abantu abaninzi bengenamakhaya kwaye behleli kumaziko ukuze bakwazi ukufihla iintloko ngelixa kusenziwa iinzame zokuhlangula njengoko kukho abantu abangekafunyanwa. Kuthiwa ezinye izindlu ebeziphantsi kwamanzi ziyaqhekezwa kuba kukho abantu ngaphakathi.

USodolophu woMasipala weSithili iOR Tambo, uMesuli Ngqondwana, ukungqinile oku ngentseni yangoLwesithathu ngethuba esithi zisaqhuba iinzame zokukhangela nokuhlangula nanjengoko iindadi zisebenza kula mmandla. Uthe abahlali bathe kusekho izindlu eziphantsi kwamanzi ezinabantu abangaphakathi kuzo – uSodolophu uthe baxakekile bezama ukuqhekeza ezi zindlu.

Enika uhlaziyo ngexesha lendibano noonondaba, Ngqondwana uthe ezinye zeziseko zabo zichaphazeleke ngokumandla ingakumbi uluntu olufumana iinkonzo kwisikhululo samanzi saseThornhill. "Ngethamsanqa, senza inkqubela ekulungiseni iimpompo eziye zachaphazeleka. Kwiimpompo ezisithoba, zintlanu ubuncinane ezisebenzayo, amaqela ethu asalungisa ezo zingasebenziyo," uqinisekise watsho uNgqondwana.

UNgqondwana ukwathe bakwiphulo lokufumana iiloli ezihambisa amanzi kuluntu oluchaphazelekileyo.

Umonakalo oshiywe zizikhukula kumasipala wesithili iOR Tambo

Image: OR Tambo District Municipality

UMphathiswa weSebe loPhuhliso loLuntu, uBukiwe Fanta, uthe banabantwana, iintsana, abasetyhini namadoda kuwo onke amaziko abo kwaye bayakhathalelwa, bafumana ukutya okushushu kwaye abasetyhini banikwe iipads.

"EOR Tambo sinamaziko amalunga namane apho sinamakhosikazi nabantwana abaninzi, sinabantwana abamalunga namashumi amabini anesixhenxe (27) kumaziko ethu, malunga nababini ziintsana. Sineengubo, oomatrasi, sithandazela ukuba kungabikho mvula izayo ngoba ukuba kuthe kwabakho imvula, siza kuba nengxaki."

Ngethuba iNkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane namanye amagosa karhulumente betyelele enye yeendawo ezichaphazeleke yintlekele eDecoligny, eMthatha.

Image: OR Tambo District Municipality

Ethetha ngezinto ezenziwa ngurhulumente ukulawula le ntlekele, uMphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (Cogta), uZolile Williams, uthe bafumene ulwazi kwiziko leentlekele lokuba kwindawo kaMasipala weSithili saseAmathole, bahlanu abantu ababhubhileyo.

"Isicwangciso sokusabela esinaso sesokuba sele siwachukumisile amaziko eentlekele ephondo nawesithili ukuze sisebenzisane ekuqinisekiseni ukuba uluntu lubonelelwa ngazo zonke izinto eziyimfuneko kuba iziseko zophuhliso zichaphazeleke kakhulu.

"Amaqela obugcisa athunyelwe ukuba ajongane neenkonzo zobunjineli ukuzama ukuqinisekisa ukuba iinkonzo zibuyela kwisimo sesiqhelo. UEskom ubelapha ukuqinisekisa ukuba umbane ubuyile. Sizama ukuqinisekisa ukuba yonke into enxulumene neebhulorho ezivaliweyo, iindlela ezonakalisiweyo kwaye yonke into iyaphendulwa ukuze siqinisekise ukuba ubomi bufikelela esiqhelweni." utshilo uWilliams.

Ngethuba iNkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane namanye amagosa karhulumente betyelele enye yeendawo ezichaphazeleke yintlekele eDecoligny, eMthatha.

Image: OR Tambo District Municipality

Uthi basaqhuba uvavanyo kwaye baza kuya kwiNkulumbuso nakwikhabhinethi nengxelo ngeendleko zalo monakalo. Uthi onke amaSebe aza kubandakanywa, abazukusebenza bodwa ekuqokeleleni iinkcukacha. Baza kuthi thaca ingxelo enye kwiziko iNational Disaster Management Centre ukuze kungenelelwe ngoncedo lukazwelonke nakwiphondo ukuze babone ukuba bangenza ntoni na.

Umhlali welali yaseDecoligny eMthatha okwazileyo ukuphuma kwikhaya lakhe ebelikhukuliswe ngamanzi nosapho lwakhe, uMncedi Buwa, ubalise ibali lakhe. "Ndivuke kuba ndisiva oomeza bekhala, xa ndiphuma apha emnyango, akusekho ndawo yokuphuma, amanzi sele erhanqe indawo yonke apha ezifestileni. Ndizamile ukurhoboza uphahla ndabakhupha ngophahla.

Ngethuba iNkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane namanye amagosa karhulumente betyelele enye yeendawo ezichaphazeleke yintlekele eDecoligny, eMthatha.

Image: OR Tambo District Municipality

"Sahlala phezu kwendlu, angenile ke amanzi, yagqunywa indlu ngamanzi. Ndibambe kula ntambo yombane ndababophelela apha kum bona. Aye ehla amanzi, emva koko kwafika uncedo, siweliswe sisikhephe, bekungekho ndawo yokuhamba yonke le ndawo. Umntwana nomakhulu wakhe baleqiswe esibhedlele, kodwa isimo sabo sintle ngoku, balufumene unyango esibhedlele," utshilo uBuwa ebalisa ibali lakhe.

Urhulumente wephondo ukwiindawo ezichaphazelekayo ukujongana ngqo nale meko. Oonontlalontle nabo bakwezi ndawo ukunika uncedo kubo bonke abachaphazelekayo.