UMavuso Msimang uthi urhulumente kufuneka abeke phambili ukudalwa kwemisebenzi.
Image: Dumisani Sibeko
Oligqala lomzabalazo kumbutho weANC, uMavuso Msimang, uthi liphelile ixesha lokuthetha intsomi ngeengxaki zeli loMzantsi Afrika, urhulumente makagqagqanise ukudala amathuba emisebenzi.
UMsimang uthethe oku emva kokuba uMongameli weli uCyril Ramaphosa edize ukuba kuza kuqhutywa ingxoxo ebanzi malunga neengxaki ezambethe uMzantsi Afrika.
URamaphosa umisele umhla weshumi elinesihlanu kwinyanga yeThupha ukuba ibe ngumhla apho kuza kuxoxwa banzi ngeengxaki ezambethe eli lizwe.
NgokukaRamaphosa, iinkalo zonke zentlalo ziza kunikwa ithuba lokuba zixoxe banzi ngelizama ukufumana isisombululo kwiingxaki zoMzantsi Afrika. Ingxaki yentswela ngqesho isoloko ibonwa njengonobangela wolwaphulomthetho kwilizwe loMzantsi Afrika.
"Imbi kakhulu imeko elijongene nayo ilizwe loMzantsi Afrika, ngoko ke kumele ukuba kugqagqaniswe ukupheka amacebo okulwa ingxaki yentswela ngqesho," ugadlele watsho uMsimang.
Uthi abantu boMzantsi Afrika bayahlupheka, kwaye kukho iimpawu zokuba linyuke oko izinga lentswela ngqesho kweli.
"Kuyandivuyisa ukuba uMongameli uCyril Ramaphosa akuqaphele ukuba ngenene ikho iingxaki edinga ukuba abantu badibanise iintloko, ingakumbi ngokumayelana namathuba engqesho kubantu abatsha," kutsho uMsimang.
UMavuso Msimang usebenze nzima ngexesha lomzabalazo eshiya ikhaya lakhe kwiphondo laseKZN ukuya elubhacweni ekuqaleni kweminyaka yoo1960.
"Ikho imfuneko yokuba kuqulunqwe amacebo okulwa iingxaki zeli eziquka ukuphelisa intswela ngqesho phakathi kwabantu abatsha, kumele ukuba sonke siqinisekise ukuba eli linge liyaphumelela," uvale ngelo uMsimang.
UMongameli uCyril Ramaphosa utyumbe oosaziwayo abangamashumi amathathu abaza kujongana nale ngxoxo eza kuba ikhangela izisombululo kwiingxaki zelizwe loMzantsi Afrika.