Ngabantu abasixhenxe ekuqinisekisiweyo ukuba babhubhile ukuza kuthi ga ngoku eMpuma Koloni ngenxa yezikhukhula.
Image: X
Basixhenxe abantu ekuqinisekiswe ukuba babhubhile eMpuma Koloni nanjengoko eli phondo lithwaxwa yimozulu embi, inani linganyuka nanjengoko kukho abafundi abakhukuliswe zizikhukula ngale ntsasa bekhwele imoto ebasa esikolweni.
Oku kubhubha kwabantu kuthiwa kwenzeke kwiindawo ezahlukeneyo kuMasipala weSithili iOR Tambo. Ingxelo yamapolisa iqinisekise ukuba kufunyenwe imizimba emithandathu kwilali yaseDecoligny eMthatha, ngelixa umzimba wesixhenxe ufunyenwe kuTsolo ngaseBedlana River.
Isithethi kurhulumente weMpuma Koloni, uKhuselwa Rantjie, uthi urhulumente wephondo uthumela amazwi ovelwano kwiintsapho zababhubhileyo. "Imozulu embi ibangele umonakalo omkhulu kwiziseko zendlela, abahlali abashiyeke bengenamakhaya, kunye nokusweleka kwabantu," utshilo uRantjie.
Njengoko amaqela olawulo lweentlekele esebenza ngokuzibhokoxa ekuncedeni amakhaya achaphazelekileyo nokukhusela ukhuseleko lwabahlali, iNkulumbuso uOscar Mabuyane uthumele amaLungu eSigqeba esiLawulayo ukuba axhase uMasipala weSithili iOR Tambo kwiinzame zokuhlangula abantu kuquka nokuqinisekisa ngezibonelelo eziyimfuneko.
"Esi sisisikhumbuzo esibuhlungu samandla endalo. Sibongoza wonke umntu ukuba alumke ngakumbi kwiindawo ezithanda ukukhukula. Amaqela ethu okusabela kwiintlekele aphaphile kwaye azibophelele ekuqinisekiseni ukhuseleko loluntu," utshilo uMabuyane.
URantjie uthe amacandelo olawulo lweentlekele ephondo, iinkonzo zikaxakeka, kunye noomasipala basekuhlaleni bayasebenzisana ukuzinzisa iindawo ezichaphazelekayo, ukunika inkxaso ekhawulezileyo, nokubuyisela iinkonzo ezibalulekileyo.
Kwingxelo ekhutshwe yiSouth African National Taxi Council (Santaco), iqinisekise ukuba isithuthi sabafundi esiqhutywa ngomnye wamalungu abo sikhukuliswe zizikhukula kwibhulorho yaseEfata. ISantaco ithi isithuthi besisingise eJumba Senior Secondary School.
"Ngokweengxelo zokuqala, umqhubi uye watsalela umnxeba umnini wesithuthi kwangentseni ecela uncedo emva kokuqaphela ukuba isithuthi sixingile. Ngelishwa, ngexesha lokufika koncedo, amanzi ayesele eyigubungele ibhulorho," itshilo iSantaco.
Ngokutsho kwabazibonele kwindawo yexhwayelo, abafundi abathathu bebejinga emthini bekhwaza becela uncedo baza kamva bahlangulwa. Inani labafundi abakhukuliseke nesi sithuthi alikaziwa okwangoku.
INkulumbuso uMabuyane uza kutyelela isithili sikaMasipala waseOR Tambo ngomso, ngoLwesithathu umhla we11 kweyeSilimela 2025.