Iindaba

Isilumkiso kwabo bahamba ezindleleni

Siyabulela Mqikela|Published

Kukhutshwa isilumkiso kwabo basebenzisa iindlela nanjengoko imozulu imbi.

Image: ECDoT

Nangona kulindeleke ukuba lityhile izulu kuninzi lweendawo zeMpuma Koloni ukusukela ngomso, kodwa kukho isilumkiso semozulu embi enokuhlasela uMasipala waseEnoch Mgijima. Ingxelo yezanuse zezulu kweli, iSouth African Weather Service (SAWS), ithi kusekho ooMasipala abaza kugagana nemeko embi kakhulu ukusukela emva kwemini yanamhlanje umhla weshumi kwinyanga yeSilimela. 

Oku kwenzeka logama uninzi lweendlela eziphambili eMpuma Koloni nakumanye amaphondo zivaliwe ngenxa yekhephu eliwe ngamandla. 

Umoya obhudla ngamandla kwingingqi yaseKei River ukuya kuma kummandla wasePort Edward kusalindeleke ukuba uqhubeke. 

Ukanti ingxelo yabakwaEskom yona ithi ngamakhaya angamakhulu amathathu amawaka alahlekelwe ngumbane eMpuma Koloni ngenxa yezandyondyo zemvula ethe yanetha. Amagosa akwaEskom aqalile ukuqinisekisa ukubuyiselwa kombane kumakhaya achaphazelekileyo.

Osisanuse sezulu kwiSAWS, uMpho Rasimphi, ucebisa uluntu ngento olunokuyenze xa imeko yemozulu imbi kakhulu kwiindawo abakuzo.

"Abanye abantu bayanyanzela xa kusithwa indlela ivaliwe, ngolo hlobo babeke iimpilo zabo esichengeni, sicebisa ukuba umntu abuye umva okanye alindele ukuxelelwa ngamagosa endlela ukuba makenze ntoni," kutsho uRasimphi.

Ucebisa ukuba uluntu lukhangele ulwazi kwiSAWS namanye amaziko acebisa ngentlekele phambi kokuba umntu athathe uhambo ngeli xesha.

"Ukuzama ukunyanzelisa nokuwela imilambo, iindlela nemisinga ezaliswe ngamanzi kuyingozi kakhulu, ngoko sicebisa ukuba umntu afumane ulwazi, amamele amagosa ezendlela kwindawo akuyo ngelo xesha," kutsho uRasimphi.

Oohola bendlela abebechatshazelwe yile meko kulindeleke ukuba bavuleke ukusukela ngale mva kwemini nanjengoko kuqalise umoya obityileyo ingakumbi kwiindawo ezinekhephu.