Ingozi eyasuba umphefumlo wenkwenkwe eneminyaka eli14 ubudala: Inkwenkwe, 12, eyagila ngemoto yabulala enye inkwenkwe, 14, ivele enkundleni.
Image: Arrive Alive
Inkwenkwe eneminyaka elishumi elinesibini (12) ubudala ivele kwinkundla kamantyi yaseBrakpan eGauteng emva kokuba igile yabulala inkwenkwe eneminyaka elishumi elinesine (14) ubudala ngethuba iqhuba imoto yabazali bayo.
Le nkwenkwe ivele enkundleni ngoMvulo iphelekwe ngumntu omdala. Ujongene netyala lokubulala ngokungenhloso kunye nokuqhuba imoto ngaphandle kwephephamvume lokuqhuba.
Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA), uLumka Mahanjana, uthe ngoMgqibelo umhla we7 kweyeSilimela 2025, le nkwenkwe (12) yayiqhuba imoto yabazali bayo ikwikona yesitalato iMadeley nakwisitalato iNorthdeene ngethuba igila enye inkwenkwe (14) yaza yagilana nodonga.
"Le nkwenkwe (14) ifumene umonzakalo kwaye kwabhengezwa ukuba ibhubhile kwindawo yexhwayelo. Le nkwenkwe (12) yathathwa yasiwa kwiofisi yamatyala yaseBrakpan yaze kamva yakhululwa ngamapolisa ngomhla we8 kweyeSilimela 2025 yathathwa ngabazali bayo," utshilo uMahanjana.
UMahajana wongeze ngelithi lo mba uhlehliselwe umhla wama28 kweyeThupha 2025 ukuze kubonwe ukuba uphaphamile ngokwasengqondweni ukuze abekwe uxanduva lokwenza ulwaphulomthetho.
Ngokutsho kwesithethi sikaMasipala waseKurhuleni, uZweli Dlamini, amagosa ecandelo leeNgozi kwiSebe lamaPolisa aseKurhuleni (EMPD) aleqe kwindawo yexhwayelo, apho aboncedo lokuqala bebesele bebhengeze ukuba le nkwenkwe nebizihambela ngeenyawo ibhubhile.
"Kwindawo yexhwayelo, amapolisa afumene imoto yohlobo lweMazda ekutyholwa ukuba igile obehamba ngeenyawo nebiqhutywa ngumqhubi oneminyaka elishumi elinesibini," utshilo uDlamini.