Indlela evaliweyo ngenxa yekhephu uN9 nonqumla phakathi kweRhafu neMiddelburg.
Image: ECDoT
Ukuwa kwekhephu kuqhelekile ngeli xesha kuninzi lweendawo zoMzantsi Afrika eziquka iMpuma Koloni, oku kubangela ukuphazamiseka kwempilo yoluntu.
Inyoba uLootsberg Pass (Golokoqo) kuhola wendlela uN9 phakathi kweRhafu neMetele ivaliwe ngenxa yokuwa kwekhephu okungavumi kunqumama.
Ngenxa yale meko, amagosa ezendlela kweli phondo ayaqhubeka ukucela ebongoza abaqhubi ukuba baqhube ngononophelo ezindleleni.
Logama bekwacela abo bavaleleke ezindleleni ukuba banyamezele imeko ukuze bahlale bekhuselekile. Inyoba uWapadsberg Pass phakathi kweNxuba neRhafu kuhola wendlela uR61 nayo ivaliwe ngenxa yekhephu elikhithikayo.
Othethe egameni leSebe lezoThutho eMpuma Koloni, u-Unathi Binqose ,uthi amagosa ezendlela ayibeke iliso ngamandla imeko ngelizama ukuqinisekisa ukhuseleko lwabaqhubi bezithuthi.
"Siyibeke iliso imeko ezindleleni zonke zephondo leMpuma Koloni, sixhalabe ngenyoba yaseBarkly nanjengoko nayo ihlala isinika ingxaki ngokuwa kwekhephu minyaka le, iNico Malan nayo yenye inyoba edla ngokusinika ingxaki, kodwa zisavulekile ezi zimbini okwangoku," kutsho uBinqose.
Uthi nangona zivuliwe ezi nyoba zimbini, balumkisa abaqhubi ukuba bahlale bevundlile ukuze bangangeni engxakini ngenxa yemozulu embi eqhubeka kuzwelonke.
Ingxelo yamagosa emozulu kwiveki ephelileyo idize ukuba uninzi lwamaphondo oMzantsi Afrika aza kuba nengxaki yokuna, ikhephu kwaneemeko zezulu ezingaqhelekanga.