Iprojekthi iNdabakazi Intermodal Interchange.
Image: SANRAL
Iidolophu zeMpuma Koloni ezifana noNdabakazi, Qumrha, Bhisho neNgqushwa ziphuhliswa yiSouth African National Roads Agency SOC Limited (SANRAL) etyale imali engaphaya kweebhiliyoni ezintathu zeerandi (R3.5 billion) kwiiprojekthi zophuhliso lweziseko zendlela koomasipala baseMnquma, Great Kei, Ngqushwa, naseBuffalo City.
UMbulelo Peterson, oyiNtloko yakwaSANRAL eMpuma Koloni, uthi iprojekthi iNdabakazi Intermodal Interchange, nesele iphantsi kolwakhiwo, iza kunceda kakhulu ekulawuleni ukuhamba kwezithuthi, ukunciphisa iingozi ezindleleni, kwaye ibonelele ngamathuba emisebenzi kuluntu lwasekuhlaleni.
"Ngale projekthi, imisebenzi engama240 ibonelelwe, ixhobisa uluntu lwasekuhlaleni ngezakhono eziyimfuneko ezifunekayo ukuze kusetyenzwe kuyo," utshilo uPeterson.
UPeterson wongeze wathi abaqeqeshwa abasebenza kule projekthi benze iinkqubo ezahlukeneyo zoqeqesho ezilungiselelwe ukukhawulelana neziqinisekiso zabo kunye neemfuno zoqeqesho. "Sithetha nje sinabaqeqeshwa ababini abaneziqinisekiso zeBTech kubuNjineli, omnye oneAdvanced Diploma kwiEnvironmental Management, omnye unesiqinisekiso seS4 kwiCivil Engineering, ababini abaneziqinisekiso zeL2 Building Technology, kunye nabaqeqeshwa ababini abaneN6 Civil Engineering abasebenza kule projekthi," utshilo.
Kwingxelo, isithethi sakwaSANRAL uLwando Mahlasela, uthe le projekthi iqale kweyoMdumba ka2023, kwaye kulindeleke ukuba igqitywe kweyeThupa kulo nyaka. Indlela kazwelonke uN2 iza kuphuculwa ngale projekthi, kuquka nokwakhiwa kwebhulorho entsha phezu kweN2. I-SANRAL ikwakha irenki yeeteksi.
UMahlasela uthi ukuphuculwa kwendlela kazwelonke uR63 phakathi kweBhisho neQumrha kuza kudlala indima enkulu ekuvuseleleni ezi dolophu. Iprojekthi iR63 ukuya kwiN2 Qumrha T-Junction iqale kuCanzibe ka2023 kwaye kulindeleke ukuba igqitywe ngenyanga yeSilimela wonyaka ozayo.
"Eminye yemisebenzi emikhulu eyenziwa kuyo ibandakanya ukwandiswa kwendlela ekhoyo ukuze kube lula ukuhamba kwezithuthi, ukuphuculwa kwemigca yendlela, kunye nokuphuculwa kweendlela ezinqumlayo ukuze ziquke iindlela ezijikekileyo zasekunene.
"Ukusukela kuTshazimpuzi, iprojekthi ivelise amathuba emisebenzi angama364. Abantu abasebenza kuyo nabo bafumene uqeqesho ngababoneleli-nkonzo abavunyiweyo, bebaxhobisa ngezakhono eziyimfuneko," utshilo uMahlasela.
Kuthiwa uhola wendlela uR63 ukusuka eBhisho ukuya kuN6 kwindlela kazwelonke, uza kubona ukuphuculwa kweendlela ezilishumi elinesithandathu (16), kwakhiwa i12km zeendlela zabahambi ngeenyawo, kwakunye neekhilomitha ezintathu (3km) zeendlela zokungena kunye neekhilomitha ezintlanu (5km) zeendlela zoluntu eziza kuphuculwa. I-SANRAL iza kwakha irenki yeeteksi kwidolophu ekufutshane nePeelton.
NgokukaPeterson, bangaphaya kwama259 abantu abaqeshwe kule projekthi, abahlanu kubo ngabantu abakhubazekileyo.
Uphuhliso lwendlela uN2 ukusuka eNgqushwa ukuya eMakhana, kwelinye icala, luza kudlala indima ebonakalayo ekuphuculeni ukhuseleko ezindleleni, itsho ingxelo. Kuthiwa le ndlela iza kwandiswa ukuze kubelula ukuhamba kwezithuthi, ukunqanda izinga eliphezulu lezehlo zeengozi ezindleleni, olunye uphuculo lubandakanya ubonelelo lweendlela ezingaphantsi ezintathu ezintsha kunye nokwandiswa kwezakhiwo ezibini ezikhoyo.
UPeterson ukwathe le projekthi idale amathuba emisebenzi esisigxina engama419, kwaye ngabantu abangama436 bebonke abaqeqeshiweyo kuyo.