Iindaba

Baphakamise ilizwe labo abantwana basephondweni, ePhilippines!

Pedro Mapelo|Published

Abaphumeleleyo baquka uElokhanyo Bangani onguMr Junior Glam Global 2025, uKungawo Mpini nguMiss Little Glam Global, u-Inganathi Mngqola nguMiss Teen Glam Global 2025 noAviwe Gqokoma onguMiss Glam Worldwide.

Image: Ithunyelwe

Babuyele ekhaya bencume olukabhulankethe abantwana baseMpuma Koloni. Oku kulandela ukugqwesa kwabo kukhuphiswano loonobuhle obelubanjelwe kwilizwe lasePhilippines - apho bekudibene khona abantwana abaselula ngeminyaka abaphuma kwizizwe ngezizwe.

Abantwana abaphuma kweli phondo leMpuma Koloni abaphakamise igama loMzantsi Afrika baquka uElokhanyo Bangani onguMr Junior Glam Global 2025, uKungawo Mpini nguMiss Little Glam Global, u-Inganathi Mngqola nguMiss Teen Glam Global 2025 noAviwe Gqokoma onguMiss Glam Worldwide.

Ngumsebenzi omkhulu futhi oncomekayo lo owenziwe ngabantwana abancinane. Ababonisanga izakhono zokucondoba eqongeni nje kuphela, banike ithemba abanye (abantwana) abaseza kuhamba indlela efanayo neyabo.

Umququzeleli weKungawo Foundation, uAsanda Mpini, ukhale ngokunqaba kwenkxasomali phambi kokuhamba nabantwana bakhe kwiveki ephelileyo. Ubancomile kakhulu abazali babantwana abavuthulule iipokotho zabo ukuze bakwazi ukuzalisekisa amaphuma wabo ePhilippines.

Ukuphumelela kwaba bantwana kubeka uMzantsi Afrika endaweni ephezulu kwicandelo loonobuhle. Bacangcathe ngqo emzileni oshiywe nguZozibini Tunzi ogqugqise konobuhle behlabathi lonke kwiminyaka edlulileyo wabuyela eMzantsi Afrika nesicoco.

Nakubeni abazali babantwana bebeqhwalela kwicala lezimali - kodwa uAsanda Mpini waliqinisekisa I'solezwe lesiXhosa ukuba abantwana bakhe baza kubuyela ekhaya bephumelele. Wayesitsho esazi kakuhle indlela abazimisele ngayo ukulimela ilizwe labo.

"Uhambo lwethu belunzima kakhulu ngoba bendiqala ukuphuma nabantwana. Besinengxaki kwicala lezimali ngoba abanye abazali abakwazanga ukwenza yonke into ngenxa yamaxabiso aphezulu okuhamba," utshilo uMpini emva kokubuyela ekhaya kule veki. "Bekungekho lula endleleni - kodwa abantwana balwile kakhulu.

"Ndiye ndisazi ukuba yonke into ixhomekeke esandleni sikaThixo. Ndidiniwe kodwa ndiyavuya ngoba abantwana baphumelele. Zininzi izinto endizifundileyo njengomntu obehamba nabantwana," utshilo uMpini. Bonke abaphumeleleyo bavakalise uvuyo olukhulu emva kokuphumelela ePhilippines.