Iindaba

Uvela enkundleni obe igrangqa!

Zenande Maqubela|Published

Abarhanelwa ababini bavela enkundleni kwiziganeko ezimbini ezahlukeneyo, eLusikisiki naseMthatha.

Image: File

Amapolisa eSithili iOR Tambo, abambe avalela amadoda amabini aneminyaka engama29, nama37, kwiziganeko ezimbini ezahlukeneyo, ngamatyala aquka ukuxhomisa ngompu, ukweba, nokuba nompu ongenamaphepha mvume, eLusikisiki naseMthatha, kwiveki egqithileyo.

Ngokwengxelo yesithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo, umrhanelwa oneminyaka engama37 utyholwa ngokuxhomisa ixhoba ngompu kwilali iMboziseni, eLutshaya A/A. Ixhoba lithathelwe imali ekumaR4000. Ukanti umrhanelwa nexhoba bahlala kwilali enye.

Ingxelo iqhuba ithi, ema kokufakwa kwetyala, amapolisa aseHlababomvu athe abamba umrhanelwa kwikhaya lakhe malunga nentsimbi yokuqala kusasa, ngomhla wokuqala kwinyanga yeSilimela. Ukanti wona umpu ongenamaphepha mvume, nekukholelwa ukuba ubuye wasetyenziswa ngethuba kuxhonyiswa, uye wathathwa ngamapolisa.

Ukanti kwesinye isiganeko, malunga nentsimbi yesine emalanga, ngomhla wama31 kwinyanga kaCanzibe, umrhanelwa oneminyaka engama29 utyholwa ngokuba igrangqa (whiskey), kwivenkile yotywala eMthatha.

Ingxelo kaCaptain Matyolo, iqhuba ithi, umrhanelwa lo uye wabanjwa ngunogada nomsebenzi wale venkile. Ngethuba kufika amapolisa lo mrhanelwa ufunyaniswe enompu ongenamaphepha mvume.

Kungokunje ujongene netyala lokuba, nelokuba nompu ongemaphepha mvume. Umrhanelwa otyholwa ngokuxhomisa ngompu, uza kuvela kwiNkundla kaMantyi eLusikisiki, ukanti yena otyholwa ngokuba, uza kuvela kwiNkundla kaMantyi eMthatha. Bobabini aba barhanelwa baza kuvela enkundleni ngoLwesibini, umhla we3 kweyeSilimela walo nyaka.

UMkomishinala obambeleyo kwisithili iOR Tambo, uBrigadier Vukile Ntuli, uncome umsebenzi wamapolisa, "Oku kubanjwa kubonisa ukuzibophelela kwethu ekususeni abantu abanobungozi kunye nezixhobo ezingekho mthethweni eluntwini. Siqhwabela izandla ukuba bukhali kwamapolisa aseHlababomvu naseMthatha, nentsebenziswano yoluntu eqinisekise ukuba aba barhanelwa bajongana nobulungisa."