Iindaba

Urhulumente weMpuma Koloni uza kuvala isikhewu esishiywe yiPEPFAR

Cwayita Nondula|Published

Inkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane: Iinzame zikarhulumente weMpuma Koloni zokunyanga isifo sikagawulayo kunye nesifo sephepha ephondweni.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Kwiinzame zabo zokuphucula iinkonzo zeHIV/AIDS neTB ephondweni, urhulumente wephondo leMpuma Koloni uthembise ngelithi uza kufumana indlela yokugaya uncedo olungxamisekileyo ukuvala izikhewu ezishiywe yiPEPFAR ukuze basindise ubomi babantu.

Oku kudizwe yiNkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane kwindibano yeBhunga likaGawulayo (AIDS Council) eMpuma Koloni kutshanje. Isigqibo seMelika sokumisa inkxaso-mali eya eMzantsi Afrika ekuqaleni kwalo nyaka, sichaphazele iikliniki ezininzi kunye neenkqubo zoluntu ebezixhaswa yinkxaso-mali yePEPFAR yaseMelika enegalelo elimalunga ne17% yenkxaso-mali yeenkqubo zeHIV zoMzantsi Afrika, kuquka nemivuzo yabasebenzi bezempilo abamalunga ne15 000 kuzwelonke.

"Inene, ukumiswa kwale nkxaso ngesiquphe kuye kwawabetha kakhulu amaphondo afana neli lethu, okukhokelele ekunqongophelweni kwabasebenzi basekliniki, izikhewu zobonelelo, kwanokuvalwa kwezinye iinkonzo eziqhutywa ziiNGO.

"Abongikazi, abacebisi, oosokhemesti, kunye nabasebenzi bezempilo basekuhlaleni bangumqolo wenkqubo yethu yeHIV. Akukho kliniki kufuneka ijike izigulana okanye inciphise iiyure zayo ngenxa yokunqongophala kwabasebenzi kuba ubomi busesichengeni.

"Kufuneka siqinisekise ukuba kukho amachiza athembekileyo. Wonke umntu otyelela ikliniki enomyalelo kagqirha kufuneka ahambe neyeza alifunayo. Siya kusebenzisa iimali zephondo ukuba kukho imfuneko yokuthenga ubonelelo oluninzi lweeARVs kunye namayeza ayimfuneko ukuze unyango luhlale lufumaneka. Bubunkokeli obuqhutywa sisisombululo esifunekayo kuthi ngalo mzuzu," utshilo uMabuyane.

Uthe uninzi lwabasebenzi bezempilo abanamava eMpuma Koloni bebexhaswe yiPEPFAR ngaphambili, kwaye abanako ukuphulukana nabo. "Ndinovuyo ukwazisa ukuba iSebe lezeMpilo, ngenkxaso yam epheleleyo, liphuhlise isicwangciso sokuphinda kufakwe uninzi lwaba basebenzi ababesakuba ngabasebenzi bePEPFAR kumaziko ethu adinga izandla ezongezelelweyo. Sikwakhawulezisa nokugcwalisa zonke izithuba ezingenabantu ezixhaswa ngemali kwiinkonzo zeHIV/TB," utshilo uMabuyane.

Ngenyanga yoMdumba kulo nyaka, uMphathiswa wezeMpilo uGqirha Aaron Motsoaledi usungule iphulo elibizwa ngokuthi yiClose the ART Gap elijonge ukuchonga nokuxhasa abantu abangaphezu kwesigidi (1.1 million) abaphila neHIV abazaziyo kodwa abangatyi iipilisi zabo, eli phulo lijongene nomsantsa kwiinzame zokujongana neHIV kweli. Kwabo bantu bangaphaya kwesigidi, iMpuma Koloni inama148 322 urhulumente wephondo athe wajolisa kuyo ukuqinisekisa ukuba bayazifumana iipilisi zabo.

UMabuyane uthe isisombululo sabo sesokuba baza kubeka abasebenzi abongezelelekileyo, izibonelelo, kunye nenkxaso kwezona kliniki zixakekileyo kwiindawo ezifana noMthatha, Mdantsane, Zwide, Komani, nezinye, naphi na apho iinkcukacha zibonisa inani eliphezulu lezigulana kwanezidingo ezingafezekiswanga.

Kwiinzame zokuqinisa ubunkokeli nolawulo, uMabuyane umemelele ukuba kuhlaziywe ukongamela kukasodolophu kwiBhunga ngalinye leSithili sikaGawulayo (District AIDS Council). "Ukususela kwinyanga ezayo, iBhunga lePhondo likaGawulayo (Provincial AIDS Council) liza kufuna iingxelo zenyanga nenyanga kwisithili ngasinye ngezalathi ezingundoqo: inani labantu abavavanyiweyo, inani eliqaliswe kwiART, amazinga okugcina, kunye nayo nayiphi na imiba efuna ukuqwalaselwa. Ezi ngxelo aziyi kuba ngumsebenzi wamaphepha nje, ziyakuxoxwa kwiintlanganiso zethu ukuqhuba uxanduva njengoko senzile ngexesha lobhubhani weCovid-19."

UMabuyane uqhube wathi, njengokuba bekhawulezisa iinkonzo zeHIV, bayayazi ngokupheleleyo ubudlelwane obuphakathi kweHIV neTB. ITB ngoyena nobangela wokusweleka kwabantu abaneHIV eMzantsi Afrika, kwaye asinako ukulukhawulezisa unyango lweHIV ngaphandle kokuphucula ukubonwa nonyango lweTB ngaxeshanye, utshilo.

"Ngoko ke, isicwangciso sethu siya kubandakanya ukuvavanyelwa iTB ngalo lonke ithuba elivelayo. Ndifuna ukubona uvavanyo lweTB olunyusiweyo lwe10% yazo zonke izigulane ezineHIV kusetyenziswa iNucleic Acid Amplification Testing (NAAT). Umlo ochasene neHIV ukwangumlo ochasene neTB, kwaye eMpuma Koloni, siqinisa zombini," utshilo uMabuyane.

UMabuyane uthe imalunga nekamva esilakhayo ngaphaya kuka2025, apho ugawulayo engeyiyo isoyikiso kwimpilo yoluntu, nalapho umntu ofumaniseka uneHIV iba yinto elawulekayo endaweni yesigwebo sobomi bonke.

"Siyabizwa ukuba sibe ngamagorha kwezempilo. Makhe siphakame. Sineenyanga ezisibhozo ezishiyekileyo kweli xesha lephulo, ngomanyano nokuzimisela, singakwazi kwaye siza kusivala isikhewu," uvale ngalo mazwi.