Isifundiswa nombhali waseKenya uNgugi wa Thiong'o uswelekile.
Image: Daniel A. Anderson/University of California, Irvine/The New Press
Injinga yombhali, isifundiswa, ichule lokukrozisa amagama etyekeza izimvo zakhe engoyiki ngokoyikiswa, uNjingalwazi Ngugi wa Thiong'o waseKenya akasekho emhlabeni.
Esi sifundiswa sibhubha sibhale iincwadi ezingaphezu kwamashumi amathathu ezingamashumi amabini kuzo zibhalwe ngolwimi lesiNgesi.
Emva kokuvuleka kwemehlo lakhe ngokucinezelwa kweelwimi zaseAfrika, uWa Thiong'o wazisola ngokubhala iincwadi zesiNgesi ezingamashumi amabini.
"Igalelo lam lokubhala ngolwimi lesiNgesi libenenxaxheba ekucinezeleni nokujongela phantsi iilwimi zaseAfrika eziquka isiKikuyu endizalwe ndisithetha," wathetha watsho uWa Thiong'o.
Ngomnye unyaka, le Njingalwazi yayimenywe ukuba yenze intetho ephambili ngesikhumbuzo sikaSteve Biko eGinsberg eQonce nalapho yafika yagxeka ngamandla urhulumente ophetheyo kweli loMzantsi Afrika.
"Emva kweminyaka engaka kuphethe abantu abamnyama eMzantsi Afrika, kodwa kusekho indawo ekuthwa yi'Queenstown', 'East London' ne'King William's Town', lihlazo eli," wagadlela watsho uWa Thiong'o.
Kwincwadi yakhe ethi Decolonising the Mind, uWa Thiong'o ugxeke egxibha igalelo lesiNgesi kwintlalo yabantu abamnyama ukusukela ebuntwaneni bokuzalwa komntu omnyama.
"Bakuqala ngokunika igama lesiNgesi, kwenziwe ngathi liqulethe into ethile ebalulekileyo kanti eso sisiqalo sokutshatyalaliswa kobuwena," watsho uWa Thiong'o.
Uhambisa athi kumaziko emfundo ephakamileyo ahambe kuwo ukubone kakuhle ukutshatyalaliswa kweelwimi zaseAfrika kuvulelwa isiNgesi indawo.
"Ulwimi lwakho luyinxalenye yobuwena, awunakuzichaza ungakuchaphazelanga ukuchaza ulwimi oluthethayo, ngoko ulwimi lubaleke kakhulu kumntu oluthethayo," watsho uNjingalwazi Wa Thiong'o.
Uninzi lweencwadi zakhe zimbangele izothe kurhulumente welizwe lakhe eKenya ngenxa yokubhala engenantsimi yankosi.
UNjingalwazi Wa Thiong'o ubhubha eminyaka ingamashumi asibhozo anesixhenxe, kwaye intombi yakhe uWanjiku Wa Ngugi ukuqinisekisile ukubhubha kwakhe.